I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yona 3:1-10

3  Laza lafika ilizwi likaYehova kuYona okwesihlandlo sesibini, lisithi:+  “Sukuma, uye eNineve isixeko esikhulu, uze ubhengeze+ kuyo esi sibhengezo ndisithetha kuwe.”  Waza uYona wasukuma waya eNineve ngokwelizwi likaYehova.+ Ke kaloku iNineve yayisisixeko esikhulu kuThixo,+ ikumgama onokuhanjwa iintsuku ezintathu.  Ekugqibeleni uYona waqala ukungena esixekweni umgama onokuhanjwa usuku olunye, yaye waqhubeka ebhengeza esithi: “Ziintsuku ezingamashumi amane kuphela, ibhukuqwe iNineve.”+  Abantu baseNineve bakholwa kuThixo,+ yaye babhengeza ukuba kuzilwe ukutya kwambathwe namarhonya,+ ukususela koyena mkhulu kuse koyena mncinane kubo.  Ekufikeni kwelizwi kukumkani waseNineve,+ ngoko waphakama etroneni yakhe wawukhulula umnweba wakhe waza wazigquma ngamarhonya wahlala eluthuthwini.+  Ngapha koko, wathi makwenziwe isimemezo eNineve, ngommiselo kakumkani nezikhulu zakhe, esithi: “Akukho mntu nasilwanyana sasekhaya, akukho mhlambi wankomo namhlambi wezimvu, uya kungcamla nto konke konke. Kungabikho namnye udlayo. Kwanamanzi bangawaseli.+  Mabazigqume ngamarhonya, umntu nesilwanyana sasekhaya; yaye mabamemeze kuThixo ngamandla baze babuye,+ ngamnye kwindlela yakhe embi nakugonyamelo olwalusezandleni zakhe.  Ngubani na owaziyo ukuba uTHIXO oyinyaniso angajika azisole+ aze abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singatshabalali?”+ 10  Yaye uTHIXO oyinyaniso wayibona imisebenzi yabo,+ ukuba babebuyile endleleni yabo embi;+ yaye uTHIXO oyinyaniso wazisola+ ngentlekele awayethe uza kubazisela yona; waza akayizisa.+

Umbhalo osemazantsi