I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yona 2:1-10

2  Wandula ke uYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe esembilinini wentlanzi+  wathi: “Ekubandezelekeni kwam ndamemeza kuYehova,+ yaye wandiphendula.+ Ndakhalela uncedo ndisesiswini seShiyol.+ Waliva ilizwi lam.+   Ekundiphoseni kwakho enzulwini, embindini wesithabazi solwandle,+ umlambo wandirhangqa. Onke amaza akho—adlula phezu kwam.+   Yaye ke mna, ndathi, ‘Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho!+ Ndiya kuyondela njani itempile yakho engcwele kwakhona?’+   Amanzi andirhawula ukuya kufikelela emphefumlweni;+ amanzi anzongonzongo andivingcela. Ukhula lwayithandela intloko yam.   Ndehla ndaya emazantsi eentaba. Ke wona umhlaba, imivalo yawo yayiphezu kwam ukusa kwixesha elingenammiselo. Kodwa wabunyusa ubomi bam emhadini, Yehova Thixo wam.+   Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kum,+ nguYehova endamkhumbulayo.+ Waza umthandazo wam wafika kuwe, etempileni yakho engcwele.+   Ke bona abo bagcina izithixo ezingenanyaniso, bayabushiya ububele babo bothando.+   Kodwa ke mna, ndiza kukubingelela ngelizwi lombulelo.+ Oko ndikubhambathisileyo, ndiza kukufezekisa.+ LolukaYehova usindiso.”+ 10  Ekuhambeni kwexesha uYehova wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanzela emhlabeni owomileyo uYona.+

Umbhalo osemazantsi