I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 9:1-35

9  Waza waphendula uYobhi wathi:   “Enyanisweni ndiyazi ukuba kunjalo. Kodwa umntu ofayo unokuba ngolungileyo njani xa emangalelene noThixo?+   Ukuba unokuyoliswa kukusukuzana naye,+ Akanakumphendula nakanye kweliwaka.   Ulumkile entliziyweni yaye womelele ngamandla.+ Ngubani onokubonisa iinkani kuye aze angenzakali?+   Ususa iintaba,+ ukuze abantu bangazazi nokuzazi, Yena uzibhukuqayo ngomsindo wakhe.+   Unyikimisa umhlaba usuke endaweni yawo, Ukuze kwaneentsika+ zawo zididizele.   Uthi elangeni alifanele likhanye, Yaye iinkwenkwezi uzijikeleza ngetywina,+   Wolula amazulu eyedwa+ Yaye uhamba phezu kwamaza amakhulu olwandle;+   Wenza ikroza leAsh, nekroza leKesile, Nekroza leKima+ namagumbi angaphakathi aseMzantsi; 10  Esenza izinto ezinkulu ezingaphengululekiyo,+ Nezinto ezimangalisayo ezingenakubaleka.+ 11  Khangela! Udlula ngakum yaye andimboni, Kwaye uhlabela mgama yaye andimqondi.+ 12  Khangela! Uyaxhwila. Ngubani na onokumxhathisa? Ngubani oya kuthi kuye, ‘Wenzani?’+ 13  UThixo akayi kuwubuyisa umsindo wakhe;+ Baya kuqubuda ngaphantsi kwakhe abancedisi bomhlaseli.+ 14  Kobeka phi na ukuba kunokwenzeka ndimphendule! Ndiza kuwakhetha amazwi am kuye,+ 15  Lowo endingayi kumphendula, nangona ndenze okulungileyo.+ Kulowo ndimelene naye emthethweni ndiya kucela ubabalo.+ 16  Ukuba bendimbizile, ngaba ubeya kundiphendula?+ Andikholwa ukuba ubeya kulibekela indlebe ilizwi lam; 17  Lowo undityumza ngesiphango Aze ngokuqinisekileyo awenze maninzi amanxeba am ngaphandle kwesizathu.+ 18  Akayi kundivumela ndisezele impefumlo epholileyo,+ Kuba uqhubeka endingxala ngezinto ezikrakra. 19  Ukuba nabani na womelele ngamandla, nanko ke;+ Ukuba nabani na uqinile kokusesikweni, akwaba bendinokubizwa! 20  Ukuba bendenze okulungileyo, umlomo wam ubuya kundivakalisa ndingongendawo; Ukuba bendingenakusoleka, ebeya kundivakalisa ndinobugwenxa. 21  Ukuba bendingenakusoleka, bendingayi kuwazi umphefumlo wam; Bendiya kubala ubomi bam. 22  Kukho into enye. Kungenxa yoko ndisithi, ‘Lowo ungenakusoleka, kwanalowo ungendawo, uyabaphelisa.’+ 23  Ukuba isikhukula sinokubangela ukufa ngequbuliso, Ekuphelelweni lithemba kwabamsulwa uya kuhleka. 24  Umhlaba unikelwe esandleni songendawo;+ Ubuso babagwebi bawo uyabugubungela. Ukuba akunjalo, ngoko, ngubani na? 25  Kwaneyam imihla ikhawuleza ngakumbi kunembaleki;+ Ibaleke yemka, ngokuqinisekileyo ayiyi kukubona ukulunga. 26  Idlule njengezikhephe zeengcongolo, Njengokhozi olutshawuzayo lufuna into edliwayo.+ 27  Ukuba ndithe, ‘Mandikulibale ukuxhalaba kwam,+ Mandiyijike inkangeleko yam,+ iqaqambe,’ 28  Bendizoyika zonke iintlungu zam;+ Ndiyazi ukuba akuyi kundigqala njengomsulwa. 29  Ndimele ndibe ngongendawo. Kutheni ndibulalekela ilize?+ 30  Ukuba eneneni bendizihlambe emanzini ekhephu, Ndaza ndahlambulula izandla zam kwipotasi,+ 31  Ngoko ubuya kundithi nkxu emhadini, Yaye ngokuqinisekileyo izambatho zam beziya kundicekisa. 32  Kuba akangomntu+ unjengam endingamphendula, Ukuze sibe ndawonye ukuze sigwetyelwe. 33  Akukho mntu wakugqiba phakathi kwethu,+ Ukuba abeke isandla sakhe phezu kwethu sobabini. 34  Makayishenxise intonga yakhe phezu kwam,+ Yaye ukothusa kwakhe, makungandinkwantyisi. 35  Ndivumele ndithethe ndingamoyiki, Kuba andityekelanga ekubeni njalo.

Umbhalo osemazantsi