I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 8:1-22

8  Waza waphendula uBhiledadi umShuha+ wathi:   “Kuya kude kube nini na uthetha ezi zinto,+ Ekubeni amazwi omlomo wakho engumoya onamandla?+   Ngaba uThixo uya kugqwetha umgwebo,+ Okanye ngaba uSomandla uya kugqwetha ubulungisa?+   Ukuba oonyana bakho bamonile, Ukuze abayekele esandleni semvukelo yabo,   Ukuba wena unokufuna uThixo,+ Yaye ukuba unokucela ubabalo kuSomandla,   Ukuba usulungekile yaye uthe tye,+ Ngoku ebeya kuvuka ngenxa yakho Yaye ngokuqinisekileyo ebeya kuyibuyisela indawo yakho yokuhlala yobulungisa.   Kwakhona, isiqalo sakho besiya kungqineka siyinto encinane, Kodwa isiphelo sakho kamva besiya kuba sikhulu kakhulu.+   Eneneni, khawuncede, ubuze ngesizukulwana sangaphambili,+ Uze walathisele ingqalelo yakho kwizinto ezagocagocwa ngooyise.+   Kuba singabayizolo nje,+ yaye asazi nto, Kuba imihla yethu emhlabeni sisithunzi.+ 10  Ngaba abayi kukuyalela, bakuxelele ngokwabo, Ngaba abayi kuvelisa amazwi ezintliziyweni zabo? 11  Ngaba isityalo somkhanzi+ siya kukhula sibe side kungekho mgxobhozo? Ngaba ingcongolo iya kukhula ibe nkulu kungekho manzi? 12  Ngoxa isesethupheni layo, ingekancothulwa, Iya koma nangaphambi kwayo yonke enye ingca.+ 13  Unjalo umendo wabo bonke abo bamlibalayo uThixo,+ Yaye ithemba lomwexuki liya kutshabalala,+ 14  Ontembelo yakhe inqunyulwayo, Onkoloseko yakhe iyindlu yesigcawu.+ 15  Uya kwayama ngendlu yakhe, kodwa ayiyi kuqhubeka imile; Uya kuyibamba, kodwa ayiyi kuhlala. 16  Uzaliswe yincindi ngaphambi kwelanga, Yaye emyezweni wakhe kuphuma isetyana lakhe.+ 17  Iingcambu zakhe zijijana kwimfumba yamatye, Ubona indlu yamatye. 18  Ukuba ubani uyamginya endaweni yakhe,+ Ngokuqinisekileyo iya kumkhanyela, isithi, ‘Andikubonanga.’+ 19  Khangela! Kukubhangiswa kweendlela zakhe oko;+ Yaye eluthulini kuntshula abanye. 20  Khangela! UThixo akayi kumgatya ongenakusoleka, Yaye akayi kusibamba isandla sabenzi bobubi, 21  De awuzalise umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yakho ngemikhwazo yovuyo. 22  Abo bakuthiyayo baya kwambeswa ngehlazo,+ Yaye intente yabo bangendawo ayisayi kubakho.”

Umbhalo osemazantsi