I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 7:1-21

7  “Ngaba umntu ofayo akanamsebenzi usisinyanzelo+ na emhlabeni, Yaye ngaba iintsuku zakhe azifani neentsuku zomqeshwa?+   Njengekhoboka ulangazelela umthunzi,+ Yaye njengomqeshwa ulindela umvuzo wakhe.+   Ngaloo ndlela ndenziwe ndadla ilifa iinyanga ezingento yanto,+ Yaye babalele kum ubusuku beenkathazo.+   Ndakulala ndithi, ‘Ndiya kuvuka nini na?’+ Yaye xa okunene ukuhlwa kuhambe umlinganiselo wako, ndiba ndidikiwe kukugushuza de kube sekuzeni kokusa.   Inyama yam yambeswe ziimpethu+ namagada;+ Ulusu lwam lwenze izikhoko yaye luyayucuka.+   Iintsuku zam zikhawuleza+ ngaphezu kwesilukiso somluki, Yaye ziphela kungekho themba.+   Khumbula ukuba ubomi bam bungumoya;+ Yaye iliso lam aliyi kubona kulunga kwakhona.   Iliso lalowo undibonayo aliyi kundibona; Amehlo akho aya kuba phezu kwam, kodwa andiyi kubakho.+   Ngokuqinisekileyo ilifu liyaphela lize limke; Ngoko ke lowo uhlela eShiyol akayi kunyuka aphume.+ 10  Akayi kubuyela endlwini yakhe kwakhona, Yaye indawo yakhe ayisayi kumqonda kwakhona.+ 11  Nam, andisayi kuwunqanda umlomo wam. Ndiza kuthetha ekubandezelekeni komoya wam; Ndiza kuxhalaba ngobukrakra bomphefumlo wam!+ 12  Ngaba ndilulwandle okanye ndisisilo esikhulu saselwandle, Ukuba undimisele umlindi?+ 13  Xa ndathi, ‘Umandlalo wam uya kundithuthuzela, Umandlalo wam uya kundinceda uthwale ukuxhalaba kwam,’ 14  Undinkwantyise ngamaphupha, Yaye ngemibono undenza ndixhume kukothuka, 15  Kangangokuba umphefumlo wam unyula ukufuthaniseleka, Ukufa+ endaweni yamathambo am. 16  Ndibugatyile;+ andiyi kuphila ukusa kwixesha elingenammiselo. Ndiyeke, ngokuba imihla yam ingumphunga.+ 17  Uyintoni na umntu ofayo+ le nto umkhulisayo, Ukuba ubhekise intliziyo yakho kuye, 18  Ukuba unikele ingqalelo kuye iintsasa zonke, Ukuba umvavanye umzuzu ngamnye?+ 19  Kutheni ungayeki ukundondela,+ Ungandiyeki de ndiginye amathe? 20  Ukuba ndonile, ndinokufeza ntoni na nxamnye nawe, wena uQwalasela uluntu?+ Kutheni undimise ndaba yinto ojolisa kuyo, ukuze ndibe ngumthwalo kuwe? 21  Yaye kutheni ungakuxoleli ukunxaxha kwam+ Uze ungasinanzi isiphoso sam? Kuba ngoku ndiya kulala eluthulini;+ Yaye ngokuqinisekileyo uya kundifuna, ndize ndingabikho.”

Umbhalo osemazantsi