I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 5:1-27

5  “Nceda, ubize! Ngaba ukho okuphendulayo? Yaye uya kuphethukela kuwuphi na kwabangcwele?   Kuba lowo usisidenge uya kubulawa yingqumbo, Yaye lowo ulukuhlwa ngokulula uya kubulawa kukuba nomona.   Ndimbonile osisidenge emila iingcambu,+ Kodwa ngequbuliso ndayishwabulela indawo ahlala kuyo.   Oonyana bakhe bakude nosindiso,+ Yaye bayatyunyuzwa esangweni kungekho mhlanguli.   Oko akuvunayo olambileyo uyakudla; Yaye ubani ukuthabatha nakumagwegwe omxheli, Yaye umgibe uyabuxhakamfula ubuncwane babo.   Kuba oko kwenzakalisayo akuphumi eluthulini, Yaye inkathazo ayiphumi emhlabeni.   Kuba umntu uzalelwa inkathazo, Kanye njengoko iintlantsi zinyukela phezulu.   Noko ke, ndiya kucela kuThixo, Yaye ibango lam ndiya kulibhekisa kuThixo.+   KuLowo wenza izinto ezinkulu ezingaphengululekiyo, Izinto ezimangalisayo ezingabalekiyo;+ 10  KuLowo unikela imvula phezu komhlaba+ Nothumela amanzi emasimini avulekileyo;+ 11  KuLowo ubeka abathotyiweyo endaweni ephakamileyo,+ Ukuze abo babuhlungu baphakame ngosindiso; 12  KuLowo utshitshisa amacebo abo banobuqili,+ Ukuze izandla zabo zingasebenzi ngokuphumelelayo; 13  KuLowo ubambisa izilumko kubuqhokolo bazo,+ Ukuze icebo labanobuqhokolo liphunyezwe ngokungxama;+ 14  Baqubisana nobumnyama kwanasemini, Yaye bayaphuthaphutha emini emaqanda ngokungathi kusebusuku;+ 15  NakuLowo usindisayo kulo ikrele emlonyeni wabo, Nasesandleni salowo womeleleyo, lowo ulihlwempu,+ 16  Ukuze lowo usweleyo abe nethemba,+ Kodwa intswela-bulungisa iyawuvala umlomo wayo.+ 17  Khangela! Unoyolo umntu uThixo amohlwayayo;+ Yaye ingqeqesho kaSomandla ungayigatyi! 18  Kuba ubangela iintlungu, kodwa uyalibopha inxeba; Uyaqhekeza, kodwa izandla zakhe zizo eziphilisayo. 19  Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula,+ Yaye kwezisixhenxe akukho nto yenzakalisayo iya kukuchukumisa.+ 20  Ebudeni bendlala uya kukukhulula ekufeni,+ Nasemandleni ekrele ebudeni bemfazwe. 21  Ekubetheni kolwimi uya kufihlwa,+ Yaye akuyi kukoyika ukuphangwa xa kufika. 22  Ukuphangwa nokulamba uya kukuhleka, Yaye irhamncwa lasendle akufanele uloyike. 23  Kuba uya kunqophisana namatye omhlaba, Yaye irhamncwa lasendle liya kwenziwa lihlale ngoxolo nawe.+ 24  Yaye uya kwazi ngokuqinisekileyo ukuba uxolo luyintente yakho, Yaye uya kubopheleleka ukuba uye kubona idlelo lakho, yaye akuyi kuphosa nto. 25  Yaye ngokuqinisekileyo uya kwazi ukuba inzala yakho ininzi+ Yaye umnombo wakho unjengotyani bomhlaba.+ 26  Uya kuza ngamandla endaweni yokungcwaba,+ Njengaxa izithungu zifunjwa ngexesha lazo. 27  Khangela! Oku koko sikuhlolileyo. Kunjalo ke. Kuve, uze wena—ukwazele isiqu sakho.”

Umbhalo osemazantsi