I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 42:1-17

42  Waza uYobhi wamphendula uYehova wathi:   “Ndiyazi ukuba uyakwazi ukuzenza zonke izinto,+ Yaye akukho ngcamango ingenakufikeleleka kuwe.+   ‘Ngubani na lo usitha icebo engenakwazi?’+ Ngoko ke ndithethile, kodwa bendingaziqondi Izinto ezimangalisa gqitha kum, endingazaziyo.+   ‘Khawuncede uphulaphule, mna ndiza kuthetha. Ndiza kubuza, wena undazise.’+   Ndikuve ngondiva, Kodwa ngoku iliso lam liyakubona.   Kungenxa yoko ndirhoxa, Yaye ndiyaguquka+ ndiseluthulini naseluthuthwini.”  Kwathi emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, uYehova wathi kuElifazi umTeman: “Umsindo wam uyavutha kuwe namaqabane akho amabini,+ kuba anithethanga inyaniso+ ngam njengomkhonzi wam uYobhi.  Ngoko ke zithabatheleni iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeegusha ezisixhenxe+ niye kumkhonzi wam uYobhi,+ nize ninikele umbingelelo otshiswayo; yaye umkhonzi wam uYobhi uya kunithandazela.+ Bubuso bakhe kuphela endiya kubamkela ukuze ndingenzi ubudenge obulihlazo kuni, kuba anithethanga okuyinyaniso ngam, njengokuba enzile umkhonzi wam uYobhi.”+  Ngako oko uElifazi umTeman noBhiledadi umShuha noTsofare umNahama benza kanye njengoko uYehova wayethethile kubo; waza ke ngoko uYehova wabamkela ubuso bukaYobhi. 10  UYehova wayijika imeko yokuthinjwa kaYobhi+ xa wathandazela amaqabane akhe,+ waza uYehova waqalisa ukunikela ongezelele konke oko kwakukokukaYobhi, ngokuphindiweyo.+ 11  Kwaza kwaqhubeka kufika kuye bonke abantakwabo nabo bonke oodade wabo nabo bonke abo babemazi ngaphambili,+ baza badla isonka naye+ endlwini yakhe bevelana naye yaye bemthuthuzela kuyo yonke intlekele uYehova awayeyivumele yamfikela; baza ngamnye wamnika imali yaye ngamnye wamnika umsesane wegolide. 12  Ke yena uYehova, wakusikelela+ ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe,+ kangangokuba waba neegusha ezilishumi elinesine lamawaka neenkamela ezingamawaka amathandathu nezipani zeenkomo eziliwaka neemazi zamaesile eziliwaka. 13  Kwakhona waba noonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.+ 14  Yaye igama leyokuqala walibiza ngokuba nguYemima, igama leyesibini languKetsiya, igama leyesithathu languKeren-hapuki. 15  Yaye akuzange kufunyanwe mabhinqa mahle njengeentombi zikaYobhi kulo lonke ilizwe, yaye uyise wazinika ilifa phakathi kwabazalwana bazo.+ 16  Emva koku uYobhi waqhubeka ephila iminyaka elikhulu elinamashumi amane+ waza wabona oonyana bakhe nabazukulwana bakhe+—izizukulwana ezine. 17  Yaye uYobhi wafa, aluphele yaye anelisekile.+

Umbhalo osemazantsi