I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 41:1-34

41  “Ngaba unokuyitsala iLeviyatan+ ngegwegwe lokuloba iintlanzi, Okanye ngaba unokulubamba ngentsontelo ulwimi lwayo?   Ngaba unokufaka umzi emathatheni ayo,+ Okanye ngaba unokuwugqobhoza ngeliva umhlathi wayo?   Ngaba iya kwenza izibongozo ezininzi kuwe, Okanye ngaba iya kuthetha amazwi athambileyo kuwe?   Ngaba iya kwenza umnqophiso nawe, Ukuba uyithabathe njengekhoboka ixesha elingenammiselo?   Ngaba uya kudlala ngayo njengoko usenza ngentaka, Okanye ngaba uya kuyibophela amantombazana akho aselula?   Ngaba amahlulelane aya kunaniselana ngayo? Ngaba aya kuyahlulela abarhwebi?   Ngaba ulusu lwayo uya kuluzalisa ngezinkempe zokubamba umnenga,+ Nentloko yayo ngemikhonto yeentlanzi?   Beka isandla sakho phezu kwayo. Khumbula idabi. Ungakwenzi kwakhona.   Khangela! Ulindelo lukabani ngayo luya kudaniswa ngokuqinisekileyo. Ubani uya kuwa phantsi ngokuyibona nje kuphela. 10  Akukho namnye unobugagu kangangokuba angayixhokonxa. Yaye ngubani na onokuma phambi kwam?+ 11  Ngubani na ondinike okuthile kuqala, kangangokuba ndifanele ndimvuze?+ Konke okuphantsi kwamazulu kokwam.+ 12  Andiyi kuthi cwaka ngeenxalenye zayo Okanye ngombandela wamandla ayo okanye ukubukeka kobukhulu bayo. 13  Ngubani na obutyhilileyo ubuso besinxibo sayo? Emihlathini yayo entlu-mbini ngubani na oya kungena? 14  Ngubani na ozivulileyo iingcango zobuso bayo? Amazinyo ayo onke ayothusa. 15  Imisele yamaxolo ayo likratshi layo, Ivalwe ngokungathi kungetywina eliqinileyo. 16  Asondelelene elinye nelinye, Akunakungena nomoya phakathi kwawo. 17  Elinye linanyatheliswe kwelinye; Abambene yaye akanakwahlulwa. 18  Ukuthimla kwayo kubanekisa ukukhanya, Yaye amehlo ayo anjengokuqaqamba kwesifingo. 19  Emlonyeni wayo kuphuma imibane, Kuphuma neentlantsi zomlilo. 20  Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengeziko eliphenjwe ngemizi. 21  Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma nedangatye emlonyeni wayo. 22  Entanyeni yayo kuhlala amandla, Yaye phambi kwayo kubakho ukuphelelwa lithemba. 23  Imihlubulo yenyama yayo iyanamathelana; Ifana nokutyhidiweyo kuyo, ayishukumi. 24  Intliziyo yayo ityhidwe njengelitye, Ewe, ityhidwe njengelitye lokusila elingezantsi. 25  Ngenxa yokuphakama kwayo abomeleleyo bayothuka;+ Badubadubeke ngenxa yokukhwankqiswa. 26  Liyifikele, ikrele alibi ntanganye nayo, Nomkhonto, nentshuntshe nentloko yotolo.+ 27  Intsimbi+ iyigqala njengeendiza, Ubhedu njengomthi obolileyo. 28  Utolo aluyigxothi; Amatye okusawula+ kuyo aguquka abe ziindiza. 29  Igqudu iligqala njengeendiza,+ Yaye iyakuhleka ukurhashaza kwentshuntshe. 30  Ngaphantsi injengamaqhekeza odongwe atsolo; Yandlala isixhobo sokubhula+ eludakeni. 31  Ibangela iinzulu zibile njengembiza; Yenza ulwandle lube njengehlala lezithambiso. 32  Emva kwayo iwenza ubengezele umendo wayo; Ubani ebeya kuwagqala amanzi anzongonzongo njengezimvi. 33  Eluthulini akukho nto injengayo, Yona yenziwa ayabi nakunkwantya. 34  Zonke izinto eziphakamileyo iyazibona. Ingukumkani phezu kwawo onke amarhamncwa asendle anobungangamsha.”

Umbhalo osemazantsi