Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 40:1-24

40  Waza uYehova wamphendula uYobhi wathi:   “Ngaba lowo uhlaba amadlala angasukuzana noSomandla?+Makaphendule lowo wohlwaya uThixo.”+  Waza uYobhi wahlabela mgama wamphendula uYehova wathi:   “Khangela! Ndiyinto engento.+Ndiya kukuphendula ndithini na?Isandla sam ndisibeke emlonyeni wam.+   Ndithethile kwaba kanye, yaye andiyi kuphendula;Yaye kabini, ibe andiyi kongeza nto.”  Waza uYehova wahlabela mgama wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi+ somoya wathi:   “Khawuncede, ubhinqe amanqe akho njengendoda eyomeleleyo;+Ndiza kukubuza, uze wena undazise.+   Eneneni, ngaba uya kukutshitshisa ukuba sesikweni kwam?Ngaba uya kundivakalisa ndingendawo ukuze wena ube ngolungileyo?+   Okanye ngaba unengalo enjengekaTHIXO oyinyaniso,+Yaye ngaba ngelizwi elinjengelakhe unokwenza kududume?+ 10  Khawuncede, uzivathise ukongama+ nokuphakama;+Uze uzambathise isidima+ nobungangamsha.+ 11  Makuphalale ukudubuleka kokuvutha komsindo wakho,+Uze ubone bonke abanekratshi yaye ubahlise. 12  Babone bonke abanekratshi, ubathobe,+Ubanyathele abangendawo kanye kuloo ndawo bakuyo. 13  Bafihle ndawonye eluthulini,+Bopha ubuso babo endaweni efihlakeleyo, 14  Yaye mna, ndiya kukuncoma,Ngenxa yokuba isandla sakho sasekunene sinokukusindisa. 15  Khawubone iBhehemote endiyenzileyo kwanjengawe.Itya+ ingca eluhlaza kanye njengenkunzi yenkomo. 16  Uyabona, amandla ayo asesinqeni sayo,Yaye amandla ayo amakhulu+ akwimisipha yesisu sayo. 17  Umsila wayo iwugobela phantsi njengomsedare;Imisipha yamathanga ayo ibhijelene. 18  Amathambo ayo yimibhobho yobhedu;Amathambo ayo omeleleyo anjengemivalo yentsimbi. 19  Kukuqala kweendlela zikaThixo;UMenzi+ wayo unokulisondeza ikrele lakhe. 20  Kuba iintaba ziyithwalela imveliso yazo,+Nawo onke amarhamncwa asendle adlala apho. 21  Ilala ngaphantsi komthole onameva,Kwindawo efihlakeleyo yeengcongolo+ nendawo engumgxobhozo.+ 22  Umthole onameva uyigcina ithintelekile ngesithunzi sawo;Imingcunube yasentlanjeni iyayingqonga. 23  Ukuba umlambo uphuphuma kakhulu, ayibaleki ngokuphakuzela.Inentembelo, nangona iYordan+ inokugqabhuka emlonyeni wayo. 24  Ngaphambi kwamehlo ayo ngaba nabani na unokuyithabatha?Ngaba nabani na unokuyigqobhoza ngemigibe impumlo yayo?

Umbhalo osemazantsi