Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 4:1-21

4  Waza uElifazi+ umTeman waphendula wathi:   “Ukuba ubani ulinga ukubhekisa ilizwi kuwe, ngaba uya kutyhafa? Kodwa ukuthintela amazwi ngubani na okwaziyo?   Khangela! Ulungise abaninzi,+ Yaye izandla ezibuthathaka ubuzomeleza.+   Nabani na okhubekayo, amazwi akho ebemvusa;+ Yaye amadolo agevezelayo ubuwaqinisa.+   Kodwa kwesi isihlandlo kufikele wena, yaye uyatyhafa; Kuchukumisa wena, yaye uyaphazamiseka.   Ngaba intembelo yakho ayisekelwanga ekuhloneleni kwakho uThixo? Ngaba ithemba lakho aliyongqibelelo+ yeendlela zakho?   Nceda, khumbula: Ngubani omsulwa owakha watshabalala? Yaye bakha batshayelwa phi na abathe tye?+   Ngokokwam ukubona, abo bayila okwenzakalisayo Nabo bahlwayela inkathazo ngabo abaya kuyivuna.+   Ngempefumlo kaThixo bayatshabalala, Yaye ngomoya womsindo wakhe bafikelela esiphelweni. 10  Kukho ukugquma kwengonyama, nelizwi lengonyama entsha, Kodwa amazinyo eengonyama ezintsha ezinezingci ayaphuka. 11  Ingonyama iyatshabalala kwakungabikho xhoba, Yaye amathole engonyama ayahlulwa. 12  Ngokuba kwaziswa ilizwi kum ngokuchwechwa, Yaza indlebe yam yafumana ukusetyezwa kwalo,+ 13  Ezingcingeni eziphazamisayo zemibono yasebusuku, Xa abantu befikelwe bubuthongo obunzulu. 14  Ndafikelwa kukunkwantya, nokungcangcazela, Kwaza kwazalisa amathambo am amaninzi ngokunkwantya. 15  Yaye kwadlula umoya ebusweni bam; Ndaba namanwele. 16  Waqalisa ukuma ngxi, Kodwa andizange ndiyiqonde imbonakalo yawo; Kwakukho imbonakalo phambi kwamehlo am; Kwabakho inzolo, ndaza ke ndeva ilizwi: 17  ‘Umntu ofayo—ngaba angaba sesikweni ngakumbi kunoThixo? Okanye ngaba indoda eyomeleleyo ingahlambuluka ngakumbi kunoMenzi wayo?’ 18  Khangela! Akakholwa ngabakhonzi bakhe, Yaye abathunywa bakhe ubamangalela ngokuba nesiphoso. 19  Kobeka phi na ke ngabo bahlala ezindlwini zodongwe, Iziseko zazo eziseluthulini!+ Abatyunyuzwa ngokukhawuleza ngakumbi kunenundu. 20  Kususela kusasa kude kube ngokuhlwa batyunyuzwa babe ziingceba; Batshabalala ngonaphakade kungekho mntu ukuthabathela entliziyweni oko. 21  Ngaba intambo yentente yabo engaphakathi kubo ayitsalwanga? Bayafa ngenxa yokuswela ubulumko.

Umbhalo osemazantsi