I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 39:1-30

39  “Ngaba uyalazi ixesha elimisiweyo lokuzala kweebhokwe zasezintabeni zengxondorha?+ Ngaba uyabukela xa amaxhamakazi efikelwa+ yinimba yokuzala?   Ngaba uyazibala iinyanga ukuze zizaliseke, Okanye ngaba uyalazi ixesha elimisiweyo lokuba zizale?   Ziyaqubuda xa zikhupha amatakane azo, Xa zisahlukana nenimba yazo.   Oonyana bazo bayomelela, baba bakhulu endle; Eneneni bayemka bangabuyeli kuzo.   Ngubani na owathumela iqwarhashe+ likhululekile, Yaye ngubani owakhulula izibopho ze-esile lasendle,   Endilimisele ithafa eliyintlango laba yindlu yalo Nendawo yalo yokuhlala yaba lilizwe letyuwa?+   Liyayihleka ingxokozelo esedolophini; Ingxolo yalowo ulichwechwelayo+ aliyiva.   Likhangela iintaba lifuna idlelo lalo+ Yaye lifuna zonke iintlobo zezityalo eziluhlaza.+   Ngaba inqu ifuna ukukukhonza,+ Okanye ngaba iya kuchitha ubusuku emkhumbini wakho? 10  Ngaba uya kubopha inqu uyiqinise ngeentsontelo zayo emjelweni, Okanye ngaba iya kuerha+ iintili emva kwakho? 11  Ngaba uya kukholosa ngayo ngenxa yokuba amandla ayo emaninzi, Yaye ngaba ukubulaleka kwakho uya kukuyekela kuyo? 12  Ngaba uya kuthembela kuyo ukuba iya kubuyisela imbewu yakho Yaye iya kubuthela esandeni sakho? 13  Ngaba iphiko lemazi yenciniba liphaphazele ngovuyo, Okanye ngaba ineentsiba zengwamza+ noboya? 14  Kuba amaqanda ayo iwashiya emhlabeni Iwagcine efudumele eluthulini, 15  Yaye iyalibala ukuba unyawo lungawatyumza Okanye kwanerhamncwa lasendle lingawanyathela. 16  Oonyana bayo ibaphatha rhabaxa, ngokungathi abangobayo+ Ukubulaleka kwayo kulilize ngenxa yokuba ayinkwantyi. 17  Kuba uThixo uyenze yabulibala ubulumko, Yaye akayabelanga ukuqonda.+ 18  Xa iphaphazela phezulu ngamaphiko ayo, Iyalihleka ihashe nomkhweli walo. 19  Ngaba ungalinika amandla ihashe?+ Ngaba intamo yalo ungayambesa ngesingci esirhashazayo? 20  Ngaba ungalenza lixhume njengenkumbi? Indili yokubeth’ ithatha kwalo iyothusa.+ 21  Ligquba+ entilini lize ligcobe ngamandla; Liphuma liye kuhlangabezana nesikrweqe.+ 22  Liyayihleka into enkwantyisayo, yaye alinkwantyi;+ Yaye alijiki ngenxa yekrele. 23  Lirhashaza kuwo umphongolo, Incakuba yomkhonto nentshuntshe. 24  Ngokungqusha nokuba ndlongondlongo liyawuginya umhlaba, Yaye alikholelwa ukuba sisandi sesigodlo. 25  Sithi sakuvuthelwa isigodlo lithi Heke! Yaye liliva likude ivumba ledabi, Ukuxokozela kweenkosana nentlaba-mkhosi.+ 26  Ngaba kungenxa yokuqonda kwakho le nto ukhetshe ebhabha aye phezulu, Ewaneka amaphiko akhe kumoya wasezantsi? 27  Okanye ngaba kungomyalelo wakho oluthi ukhozi+ lubhabhe luye phezulu Luze lwakhe indlwane yalo phezulu,+ 28  Ukuba luhlale phezu kwengxondorha luze luhlale apho ebudeni bobusuku Ezinyweni lengxondorha nakwindawo engafikelelekiyo? 29  Lulapho lumele lufune ukutya;+ Amehlo alo aqhubeke ekhangela mgama. 30  Namantshontsho alo aqhubeka efunxa igazi; Yaye apho bakhoyo ababuleweyo, loba lapho.”+

Umbhalo osemazantsi