Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 38:1-41

38  Waza uYehova wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi somoya+ wathi:   “Ngubani na lo usitha iceboNgamazwi angenakwazi?+   Khawuncede, ubhinqe esinqeni sakho njengendoda eyomeleleyo,Mandikubuze, uze wena undazise.+   Wawuphi na ekusekeni kwam umhlaba?+Ndixelele, ukuba uyakwazi ukuqonda.   Ngubani owamisa imilinganiselo yawo, ukuba uyazi,Okanye ngubani na owawulula ulutya lokulinganisa phezu kwawo?   Zitshone entwenini iziseko+ zawo,Okanye ngubani owabeka ilitye lawo lembombo,   Xa amakhwezi+ amemelela kunye ngovuyo,Yaye bonke oonyana bakaThixo+ bakhwaza bencoma?   Yaye ngubani na owavalela ulwandle ngeengcango,+Olwaqalisa ukuphuma njengaxa ligqabhuka esibelekweni;   Xa ndabeka ilifu njengesambatho saloNesithokothoko njengesithandelo sokulubopha, 10  Ndaza ndabeka imimiselo yam phezu kwaloNdabeka umvalo neengcango,+ 11  Ndaza ndahlabela mgama ndathi, ‘Ungazokufikelela apha, ungadluli;+Yaye amaza akho adlokovayo apheleliselwa apha’?+ 12  Ngaba intsasa wayiyalela ukusukela ngemihla yakho ukuya phambili?+Ngaba nguwe owabangela isifingo sayazi indawo yaso, 13  Ukuba sibambe iziphelo zomhlaba,Ukuze abangendawo bavuthululwe kuwo?+ 14  Uziguqula njengodongwe+ ngaphantsi kwetywina,Nezinto zima endaweni yazo njengakwisinxibo. 15  Yaye ukukhanya bayakuvinjwa abangendawo,+Nengalo ephakamileyo iyaphulwa.+ 16  Ngaba ufikile emithonjeni yolwandle,Okanye ngaba uye wahambahamba+ ufuna amanzi anzongonzongo?+ 17  Ngaba amasango okufa+ atyhiliwe kuwe,Okanye ngaba unokuwabona amasango ethunzi elimnyama?+ 18  Ngaba uziqwalasele ngengqiqo iindawo ezibanzi zomhlaba?+Ndixelele, ukuba uzazile zonke. 19  Iphi na ke ngoku, indlela ukukhanya okuhlala kuyo?+Ke bona ubumnyama, iphi na indawo yabo, 20  Ukuze ubuthabathele emdeni waboNokuze uziqonde iindlela eziya endlwini yabo? 21  Ngaba uzazile na kuba wazalwa ngelo xesha,+Nangenxa yokuba lininzi inani leentsuku zakho? 22  Ngaba ungenile koovimba bekhephu,+Okanye ngaba ubona kwanoovimba besichotho,+ 23  Endibagcinele ixesha lokubandezeleka,Imini yokulwa nemfazwe?+ 24  Iphi na, ke ngoku, indlela ukukhanya okuzaba ngayo,Nomoya wasempuma+ osasazeka ngayo phezu komhlaba? 25  Ngubani owahlule umjelo ukwenzela isikhukulaNendlela yamafu esiphango,+ 26  Ukuyenza ine elizweni ekungekho mntu kulo,+Phezu kwentlango ekungekho mntu wasemhlabeni kuyo, 27  Ukwanelisa iindawo ezibethwe sisiphango neziphanzileyoNokubangela ingca ihlume?+ 28  Ngaba imvula inaye na uyise,+Okanye ngubani na owazala amathontsi ombethe?+ 29  Umkhenkce uphuma esiswini sikabani na,Ke yona iqabaka+ yezulu, ngubani na eneneni oyizalayo? 30  Amanzi azifihla ngokungathi kungelitye,Naphezu kwamanzi anzongonzongo uzenza ubumbane.+ 31  Ngaba ungayibopha iqine imixokelelwane yekroza leKima,Okanye ngaba ungazikhulula na iintambo zekroza leKesile?+ 32  Ngaba ungalivelisa ikroza leMazaroti ngexesha lalo elimisiweyo?Ke lona ikroza leAsh, ngaba ungalihambisa ecaleni koonyana balo? 33  Ngaba uyayazi imimiselo yamazulu,+Okanye ngaba igunya lalo ungalibeka emhlabeni? 34  Ngaba ilizwi lakho ungalinyusela elifini,Ukuze amanzi amaninzi akugubungele?+ 35  Ngaba ungathumela imibane ukuze iphumeIze ithi kuwe, ‘Sithi aba!’? 36  Ngubani owafaka ubulumko+ kwiingcamba zamafu,Okanye ngubani na owanikela ukuqonda+ kwizinto ezenzeka emafini? 37  Ngubani onokuwabala kanye kanye amafu ngobulumko,Okanye iingqayi zamanzi amazulu—ngubani na onokuzithulula,+ 38  Xa uthuli lugalelwa ngokungathi kukwinto etyhidiweyo,Okanye amagada omhlaba enamathela kwamanye? 39  Ngaba ungayizingelela ixhoba ingonyamaYaye ngaba unokulanelisa na iphango leengonyama ezintsha,+ 40  Xa zibuthume ezindaweni zokuzimela,+Okanye zilalele ezindaweni ezisitheleyo? 41  Ngubani olungiselela ihlungulu ukutya kwalo+Xa amantshontsho alo ekhala kuThixo efuna uncedo,Xa ebhadu-bhadula ngenxa yokuba kungekho nto yokutya?

Umbhalo osemazantsi