I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 37:1-24

37  “Eneneni koku intliziyo yam iqalisa ukungcangcazela,+ Yaye iyaxhuma endaweni yayo.   Phulaphulani ngenyameko, madoda, ekudumeni kwelizwi lakhe,+ Nokubhavuma okuphuma emlonyeni wakhe.   Ngaphantsi kwamazulu onke uyakukhulula, Nombane wakhe+ uya eziphelweni zomhlaba.   Emva kwawo kugquma isandi; Ududuma+ ngesandi sokongama kwakhe,+ Yaye akazibambi xa ilizwi lakhe liviwa.+   UThixo uduma ngendlela emangalisayo ngelizwi lakhe,+ Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.+   Kuba uthi kwikhephu, ‘Wela emhlabeni,’+ Nakwizantyalantyala zemvula, zona kanye izantyalantyala zeemvula zakhe ezinamandla.+   Esandleni sabo bonke abantu basemhlabeni ubeka itywina Ukuze wonke umntu ofayo awazi umsebenzi wakhe.   Yaye irhamncwa lasendle liyalalela, Lihlale endaweni yalo yokuzimela.+   Umoya osisaqhwithi uphuma egumbini elingaphakathi+ Yaye ingqele yona kumoya wasentla.+ 10  Ngempefumlo kaThixo kunikelwa umkhenkce+ Nobubanzi bamanzi buyathintelwa.+ 11  Ewe, ilifu ulisindanisa ngokufuma, Ukukhanya kwakhe+ kuyayichithachitha ingqimba yelifu, 12  Yaye iyajikwa macala onke ngokuwalawula kwakhe ngenxa yokwenza kwawo Naphi na apho awayalela khona+ ebusweni belizwe elinemveliso. 13  Enoba kungenxa yentonga+ okanye kungenxa yomhlaba wakhe+ Okanye kungenxa yobubele bothando,+ uwenza uvelise imiphumo. 14  Kubekele indlebe oku, Yobhi; Yima ngxi uzibonise unikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.+ 15  Ngaba uyazi ukuba uThixo wazimisela ixesha nini,+ Nokuba wakubangela nini ukukhanya kwelifu lakhe ukuba kuqaqambe? 16  Ngaba uyakwazi ukujingiswa kwamafu,+ Imisebenzi emangalisayo yaLowo ugqibeleleyo ngolwazi?+ 17  Indlela izambatho zakho ezifudumele ngayo Xa umhlaba ubonisa ukuzola kuvela emzantsi?+ 18  Kunye naye ngaba ungasikhanda isibhakabhaka+ Siqine njengesipili esityhidiweyo? 19  Masikwazi oko sifanele sikuthethe kuye; Asinakuvelisa lizwi ngenxa yobumnyama. 20  Ngaba ufanele abaliselwe ukuba ndiya kuthetha? Okanye ngaba kukho umntu othe kuya kudluliselwa oko?+ 21  Ngoku ke abakuboni ngokwenene ukukhanya; Kuqaqambile esibhakabhakeni, Xa umoya udlulile yaye ubahlambulula. 22  Emntla kuphuma ubukhazikhazi begolide. Isidima esikuThixo siyoyikeka.+ 23  Ke yena uSomandla, asimfumananga;+ Uphakamile ngamandla,+ Yaye okusesikweni+ nobulungisa+ obuninzi akayi kubudelela.+ 24  Ngoko ke mabamoyike abantu.+ Akanikeli ngqalelo nakwabaphi na abalumkileyo kweyabo intliziyo.”+

Umbhalo osemazantsi