Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 36:1-33

36  Waza wahlabela mgama uElihu wathi:   “Khawube nomonde kum okwethutyana, yaye ndiya kuvakalisa kuwe Ukuba kusekho amazwi endinokuwathetha ngoThixo.   Ndiya kulususa kude ulwazi lwam, Yaye ndiya kububalela kuMenzi wam ubulungisa.+   Kuba enyanisweni amazwi am akabobuxoki; Yaye Lowo ugqibeleleyo ngolwazi+ unawe.   Khangela! UThixo unamandla+ yaye akayi kugatya; Unamandla entliziyo;   Akayi kumgcina ephila nabani na ongendawo,+ Kodwa uya kuwunikela umgwebo wabo baxhwalekileyo.+   Akayi kuwasusa amehlo akhe nakubani na olilungisa;+ Kwanookumkani abasetroneni+ Kwakhona uya kubahlalisa ngonaphakade, yaye baya kuphakanyiswa.   Yaye ukuba babotshwe ngamakhamandela,+ Bathinjwa ngeentsontelo zenkxwaleko.   Uya kwandula ke abaxelele ngendlela abenza ngayo Nokunxaxha kwabo, ngenxa yokuba bazenza abongamileyo. 10  Yaye indlebe yabo uya kuyityhila kwizibongozo,+ Aze athi bafanele babuye koko kwenzakalisayo.+ 11  Ukuba bayathobela bakhonze, Imihla yabo baya kuyigqibela kokulungileyo Neminyaka yabo ebumnandini.+ 12  Kodwa ukuba abathobeli, baya kudlula+ nangomjukujelwa,+ Yaye baya kubhubha bengenalwazi. 13  Abo baneentliziyo eziwexukileyo baya kubeka umsindo.+ Abafanele bakhalele uncedo ngenxa yokuba ubabophile. 14  Umphefumlo wabo uya kufa ebutsheni,+ Nobomi babo phakathi kwamahenyu asetempileni.+ 15  Uya kumhlangula oxhwalekileyo kwinkxwaleko yakhe, Yaye uya kuyityhila indlebe yabo kwingcinezelo. 16  Ngokuqinisekileyo uya kukukhulula emlonyeni wokubandezeleka!+ Endaweni yako kuya kuba yindawo ebanzi,+ kungekhona ecuthekileyo, Yaye intuthuzelo yetafile yakho iya kuzala kukutyeba.+ 17  Ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa sisigwebo kulowo ungendawo;+ Kuya kuma isigwebo nokusesikweni. 18  Kuba lumka umsindo+ ungakulukuhleli ekuqhwabeni izandla ngolunya, Yaye ungavumeli intlawulelo enkulu+ ikulahlekise. 19  Ngaba ukukhalela kwakho uncedo kuya kuba luncedo?+ Hayi, akuyi kuba lulo nasekubandezelekeni Kwanayo yonke imigudu yakho yamandla.+ 20  Musa ukubulangazelela ubusuku, Ukuba izizwana zibuye umva endaweni ezikuyo. 21  Zilinde ukuba ungaguqukeli koko kwenzakalisayo,+ Kuba unyule oku kunenkxwaleko.+ 22  Khangela! UThixo wenza izenzo eziphakamileyo ngamandla akhe; Ngubani na umyaleli onjengaye? 23  Ngubani omphendulisayo ngendlela yakhe,+ Yaye ngubani othe, ‘Wenze intswela-bulungisa’?+ 24  Khumbula ukuba ufanele uwenze mkhulu umsebenzi wakhe+ Lowo amadoda aye avuma ngawo.+ 25  Lonke uluntu luwondele; Umntu ofayo uqhubeka ekhangela ekude.+ 26  Yabona! UThixo uphakame ngakumbi kunokuba sinokwazi;+ Inani leminyaka yakhe alinakugocagocwa.+ 27  Kuba uwatsala anyuke amathontsi amanzi;+ Ahluzeka njengemvula ukwenzela inkungu yakhe, 28  Ukuze amafu athontsize,+ Avuzela eluntwini kakhulu. 29  Eneneni, ngubani onokuziqonda iingcamba zamafu, Izithonga eziphuma emnqubeni wakhe?+ 30  Khangela! Ukukhanya kwakhe ukwaneke phezu kwawo,+ Neengcambu zolwandle uzigubungele. 31  Kuba ngazo ugweba ityala lezizwana;+ Unikela intabalala yokutya.+ 32  Ezandleni zakhe ugubungela umbane, Yaye ubeka umyalelo nxamnye nomhlaseli.+ 33  Ukugquma+ kwakhe kuxela ngaye, Kwanemfuyo ngokuphathelele lowo uzayo.

Umbhalo osemazantsi