I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 35:1-16

35  Waza waqhubeka uElihu ephendula esithi:   “Ngaba oku koko ukugqale njengokusesikweni? Uthe, ‘Ubulungisa bam bungaphezu kobukaThixo.’+   Kuba uthi, ‘Kuluncedo ngantoni na kuwe?+ Ndiya kungenelwa ngantoni na ngaphezu kokona kwam?’+   Ndiya kukuphendula wena Namaqabane akho+ akunye nawe.   Khangela phezulu ezulwini+ ubone, Ubone amafu,+ ukuba aphakame ngokwenene kunawe.   Ukuba eneneni uyona, ufeza ntoni na nxamnye naye?+ Ukuba imvukelo yakho iyanda, umenza ntoni na?   Ukuba eneneni wenze okulungileyo, umnika ntoni na, Okanye yintoni na ayamkelayo esandleni sakho?+   Ubungendawo bakho busenokuba bunxamnye nomntu ofana nawe,+ Nentswela-bulungisa yakho kunyana womntu wasemhlabeni.+   Ngenxa yobuninzi bengcinezelo bayaqhubeka bememeza becela uncedo;+ Bayaqhubeka bekhalela uncedo ngenxa yengalo yabo bakhulu.+ 10  Ukanti akukho namnye othe, ‘Uphi na uThixo uMenzi wam Ozukileyo,+ Lowo unika uncuthu lwengoma ebusuku?’+ 11  NguLowo usifundisa+ ngaphezu kwezilo zomhlaba,+ Usenza silumke nangaphezu kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu. 12  Apho bayaqhubeka bedanduluka, kodwa akaphenduli,+ Ngenxa yekratshi+ lababi. 13  Kuphela kukungabi nanyaniso uThixo angakuvayo,+ Yaye uSomandla akakuboni.+ 14  Kubeke phi na ke, ngoko, xa usithi akumboni!+ Ityala liphambi kwakhe, yaye ngoko ufanele umlinde usexhaleni.+ 15  Ngoku ngenxa yokuba umsindo wakhe ungafunanga ngxelo,+ Akabuphawulanga nobutyhuthu-tyhuthu obugqithileyo.+ 16  UYobhi uwuvula ube banzi umlomo wakhe ngelize; Engenalwazi wandisa amazwi nje kuphela.”+

Umbhalo osemazantsi