Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yob 32:1-22

32  Ayeka ke ngoko la madoda mathathu ukumphendula uYobhi, ngenxa yokuba wayelilungisa kwawakhe amehlo.+  Kodwa wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli umBhuze+ wentsapho yakwaRam. Umsindo wakhe wavutha kuYobhi ngenxa yokuvakalisa kwakhe umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo.+  Umsindo wakhe wavutha nakumaqabane akhe amathathu ngenxa yokuba engafumananga mpendulo kodwa eqhubeke emvakalisa uThixo engendawo.+  Yaye uElihu wayemlinde ngamazwi uYobhi, kuba babebadala kunaye ngemihla.+  Kwaye uElihu wabona ukuba kwakungekho mpendulo emlonyeni+ waloo madoda mathathu, yaye umsindo wakhe waya uvutha ngakumbi.  Waza uElihu unyana kaBharakeli umBhuze waphendula wathi: “Ndiselula ngemihla Yaye nina naluphele.+ Kungenxa yoko ndiye ndahlehla ndoyika Ukuvakalisa ulwazi lwam kuni.   Ndithe, ‘Mayithethe imihla, Nobuninzi beminyaka bazise ubulumko.’+   Ngokuqinisekileyo ngumoya osebantwini abafayo Nempefumlo kaSomandla ebanika ukuqonda.+   Asingabo banemihla emininzi kuphela abangqineka benobulumko,+ Kwanabo badala nje kuphela abawuqondayo umgwebo.+ 10  Ngoko ke ndithe, ‘Khanindiphulaphule. Kwanam, ndiza kuluvakalisa ulwazi lwam.’ 11  Khangelani! Ndiwalindile amazwi enu, Ndiqhubekile ndikubekele indlebe ukuqiqa kwenu,+ De nanokuwafumana amazwi emaniwathethe. 12  Yaye ingqalelo yam ndaqhubeka ndiyiphethulele kuni, Yaye apha akukho namnye umohlwayayo uYobhi, Namnye kuni uwaphendulayo amazwi akhe, 13  Ukuze ningathi, ‘Sibufumene ubulumko;+ NguThixo omphephethayo, asingomntu.’ 14  Ekubeni engabhekisanga mazwi kum, Ngoko andiyi kumphendula ngamazwi enu. 15  Baye bankwantya, ababi saphendula; Amazwi amkile kubo. 16  Yaye ndilindile, kuba abaqhubeki bathethe; Kuba beme ngxi, ababi saphendula. 17  Nam, ndiza kunikela eyam impendulo; Nam, ndiza kuluvakalisa ulwazi lwam; 18  Kuba ndizaliswe ngamazwi; Umoya undicinezele+ esiswini sam. 19  Khangela! Isisu sam sinjengewayini engenandawo yakuphuma; Njengeentsuba ezintsha sifuna ukugqabhuka.+ 20  Mandithethe ukuze ndibe nokukhululeka. Ndiza kuyivula imilebe yam ukuze ndiphendule.+ 21  Mandingakhethi buso bamntu;+ Yaye umntu wasemhlabeni andisayi kumnika igama lesihlonipho;+ 22  Kuba ngokuqinisekileyo andazi ukuba ndinokulinikela njani igama lesihlonipho; Ngokulula uMenzi wam+ uya kundithwala andisuse.

Umbhalo osemazantsi