I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 3:1-26

3  Kwakusemva koku awathi uYobhi wawuvula umlomo wakhe waza wawuqalekisa umhla wakhe.+  Ke kaloku uYobhi waphendula wathi:   “Mawutshabalale umhla endazalwa ngawo,+ Kwanobusuku awathi ngabo umntu, ‘Kukhawulwe indoda eyomeleleyo!’   Yona loo mini, mayibe bubumnyama. UThixo makangayifuni ephezulu, Nokukhanya kwemini kungaqaqambi kuyo.   Mayihlangulwe bubumnyama nethunzi elimnyama. Phezu kwayo makuhlale ilifu lemvula. Izinto ezenza mnyama imini maziyinkwantyise.+   Obo busuku—isithokothoko masibuthabathe;+ Mabungachulumanci phakathi kweentsuku zonyaka; Mabungangeni phakathi kwenani leenyanga.   Khangela! Obo busuku—mabube ludlolo; Intswahla yovuyo mayingangeni kubo.+   Abaqalekisi bemini mababushwabulele, Abo balungele ukuvusa iLeviyatan.+   Iinkwenkwezi zorhatya lwabo mazibe mnyama; Mabulinde ukukhanya kungabikho; Buze bungakuboni ukuqaqamba kwesifingo. 10  Kuba ayizivalanga iingcango zesisu sikama,+ Ngaloo ndlela ifihle iinkathazo emehlweni am. 11  Kutheni ndingazange ndife kwasesibelekweni?+ Kutheni ndingaphumanga esiswini ndize ndibhubhe? 12  Kwathini na ukuze amadolo andihlangabeze, Yaye kwathini na ukuze kufuneke ndanye amabele?+ 13  Kuba kungoku nje ngendilele ukuze ndingaphazamiseki;+ Ngendalala ngoko; ngendisekuphumleni+ 14  Kunye nookumkani nabacebisi bomhlaba,+ Abo bazakhela iindawo eziphanzileyo,+ 15  Okanye kunye neenkosana ezinegolide, Abo bazalisa izindlu zabo ngesilivere; 16  Okanye njengemfambilini efihlakeleyo+, ndingabikho, Njengabantwana abangakubonanga ukukhanya.+ 17  Apho abangendawo bayekile ukuphazamisa,+ Apho abo batyhafileyo emandleni baphumle.+ 18  Ndawonye amabanjwa ahleli ngokukhululeka; Awaliva ilizwi lalowo uwaqweqwedisayo emsebenzini.+ 19  Abancinane nabakhulu balapho ngokufanayo,+ Yaye ikhoboka likhululwe enkosini yalo. 20  Kutheni emnika ukukhanya lowo usenkathazweni, Nobomi abo bamphefumlo ukrakra?+ 21  Kutheni kukho abo balinde ukufa, kube kungekho,+ Nangona beqhubeka bekumba ngaphezu kobuncwane obufihliweyo? 22  Abo banemihlali ngokuchwayita, Bayagcoba ngenxa yokuba befumana indawo yokungcwaba. 23  [Kutheni eyinika ukukhanya] indoda eyomeleleyo, endlela yayo ifihliweyo,+ UThixo ayibiyeleyo?+ 24  Kuba ngaphambi kokutya kwam kuyafika ukuncwina kwam,+ Yaye isikhalo sokugcuma kwam sithululeka njengamanzi;+ 25  Ngenxa yokuba ndiyankwantya ngenxa yento enkwantyisayo, yaye iyandifikela; Yaye oko bendikoyika kuyandifikela.+ 26  Bendingahlalanga ngokungakhathali, ndingahlalanga nangokungaphazanyiswa, Ndingaphumlanga, sekunjalo ukuphazamiseka kuyafika.”

Umbhalo osemazantsi