I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 28:1-28

28  “Eneneni, isilivere kukho indawo efumaneka kuyo Nendawo yegolide abayisulungekisayo;+   Intsimbi ithatyathwa eluthulini+ Nobhedu luthululwa elityeni.   Ubumnyama ubumisele isiphelo; Yaye kuse esiphelweni ufuna+ Ilitye esithokothokweni nasethunzini elimnyama.   Umbe umngxuma kude nalapho abantu bahlala khona njengabaphambukeli,+ Iindawo ezilityelweyo kude nonyawo; Abathile kubantu abafayo bajingile, balengalenga.   Ke wona umhlaba, ukutya kuphuma kuwo;+ Kodwa ngaphantsi kwawo, ubhukuqiwe ngokungathi kungomlilo.   Amatye awo ayindawo yesafire,+ Yaye unothuli lwegolide.   Umendo—akukho ntaka idla inyama+ ewazileyo, Neliso likantloyiya+ aliwubonanga.   Namarhamncwa awoyikekayo akawugangathanga; Ingonyama entsha ayinyathelanga kuwo.   Isandla sakhe usolulele entweni yokuqhwitha; Iintaba uzibhukuqile ezingcanjini zazo; 10  Wenza imijelo ezaliswe ngamanzi emaweni,+ Yaye iliso lakhe lizibonile zonke izinto ezixabisekileyo. 11  Uzenze zangamadama iindawo imilambo eyayiqukuqela kuzo,+ Nento efihliweyo uyizisa ekukhanyeni. 12  Kodwa ubulumko—bunokufunyanwa phi,+ Yaye ngoku, iphi na indawo yokuqonda? 13  Umntu ofayo akalazanga ixabiso labo,+ Yaye abufunyanwa elizweni labaphilayo. 14  Kwanamanzi anzongonzongo athe, ‘Abukho kum!’+ Kwanolwandle luthe, ‘Abukho kum!’ 15  Igolide esulungekileyo ayinakunikelwa endaweni yabo,+ Nesilivere ayinakulinganiswa njengexabiso labo. 16  Abunakuhlawulelwa ngegolide yaseOfire,+ Ngelitye elinqabileyo leanikis nesafire. 17  Igolide neglasi azinakuthelekiswa nabo, Yaye abunakunaniswa nangasiphi na isitya segolide esulungekileyo. 18  Ikorale+ nekristale yelitye aziyi kukhankanywa, Kodwa ingxowa ezele ubulumko ixabisa ngaphezu kwezele ziiperile.+ 19  Itopazi+ yakwaKushe ayinakuthelekiswa nabo; Abunakuhlawulelwa nangegolide esulungekileyo. 20  Kodwa ubulumko—buvela phi na,+ Yaye ngoku, iphi na indawo yokuqonda? 21  Ifihliwe nasemehlweni abo bonke abaphilayo,+ Nakwizidalwa eziphaphazelayo zamazulu isithelisiwe. 22  Intshabalalo nokufa kuthe, ‘Siyivile ingxelo yabo ngeendlebe zethu.’ 23  NguThixo oyiqondileyo indlela yabo,+ Yaye nguye oyazileyo indawo yabo, 24  Kuba yena ukhangela eziphelweni zomhlaba;+ Ubona ngaphantsi kwawo onke amazulu, 25  Ukuze enze ubunzima bomoya,+ Ngoxa elinganise amanzi ngomlinganiselo;+ 26  Xa wayenzela ummiselo imvula,+ Nendlela ilifu lesiphango elinendudumo, 27  Wandula ke wabubona ubulumko waza wabuxela; Wabulungiselela waza wabugocagoca. 28  Waza wahlabela mgama wathi kumntu, ‘Khangela! Ukoyika uYehova—bubulumko obo,+ Yaye ukusuka ebubini kukuqonda.’”+

Umbhalo osemazantsi