Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

Yobhi 27:1-23

27  Yaye uYobhi waliphakamisa kwakhona ilizwi lakhe ethetha ngemizekeliso+ waza wahlabela mgama wathi:   “Ephila nje uThixo,+ ngubani owususileyo umgwebo wam,+Yaye esaphila nje uSomandla, ngubani owenze krakra umphefumlo wam,+   Ngoxa impefumlo yam isaphelele ngaphakathi kum,Nomoya kaThixo usesemathatheni am,+   Imilebe yam ayiyi kuthetha ntswela-bulungisaNolwimi lwam aluyi kudumzela inkohliso!   Makube lee kum ukuba ndinivakalise ningamalungisa!+Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!+   Ndibambelele kokusesikweni kwam, yaye andiyi kukuyeka;+Intliziyo yam ayiyi kundingcikiva yonke imihla yam.+   Utshaba lwam malube ngumntu ongendawo ngandlela zonke,+Nalowo undivukelayo abe ngumenzi wobubi ngokwenene.   Kuba liyintoni na ithemba lomwexuki ukuba kunokwenzeka amnqumle,+Ukuba kunokwenzeka uThixo awuthabathe umphefumlo wakhe kuye?+   Ngaba uThixo uya kusiva isikhalo sakheUkuba kunokwenzeka afikelwe kukubandezeleka?+ 10  Okanye ngaba uya kuyoliswa nguSomandla ngokugqibeleleyo?Ngaba uya kubiza kuThixo ngamaxesha onke? 11  Ndiya kuniyalela ngesandla sikaThixo;Oko kukuSomandla andiyi kukufihla.+ 12  Khangelani! Nonke nibone imibono;Ngoko kutheni na nizibonakalisa nizizinto ezililize kwaphela?+ 13  Esi sisabelo somntu ongendawo esivela kuThixo;+Nelifa loozwilakhe baya kulifumana kuSomandla. 14  Ukuba oonyana bakhe baba baninzi, kukwenzela ikrele;+Yaye inzala yakhe ayiyi kuba nokutya okwaneleyo. 15  Abasindileyo bakhe baya kungcwatywa ebudeni besibetho esibulalayo,Nabahlolokazi babo abayi kulila.+ 16  Ukuba unokufumba isilivere njengothuli,Aze alungise isinxibo ngokungathi ludongwe, 17  Uya kulungisa, kodwa ngolilungisa oya kwambatha,+Yaye ngulowo umsulwa oya kuba nesabelo kwisilivere. 18  Indlu yakhe uyakhe njengenundu,Nanjengomnquba+ owenziwe ngumlindi. 19  Uya kulala esisityebi, kodwa akukho nto iya kuhlanganiswa;Uwavulile amehlo akhe, kodwa akuyi kubakho nto.+ 20  Izinto ezinkwantyisayo zequbuliso ziya kumfikela njengamanzi;+Ebusuku umoya osisaqhwithi uya kumba umke naye. 21  Umoya wasempuma uya kumthabatha emke,+Yaye uya kumphephethekisa emke endaweni yakhe.+ 22  Uya kuziphosa kuye ungabi namfesane;+Uya kuzama ukubaleka emke emandleni awo.+ 23  Omnye uya kumqhwabela izandla+Ambethele umlozi+ esendaweni yakhe.

Umbhalo osemazantsi