Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yob 26:1-14

26  Waza waphendula uYobhi wathi:   “Owu hayi indlela enibe luncedo ngayo kulowo ungenamandla! Owu hayi indlela eniyisindise ngayo ingalo engenamandla!+   Hayi indlela enimcebise ngayo lowo ungenabulumko,+ Yaye ubulumko bobuqili nibazisile kwabaninzi!   Ngubani na enimxeleleyo amazwi, Yaye ngubani na impefumlo yakhe ephume kuni?   Abo bangenamandla ekufeni baqhubeka bengcangcazela Ngaphantsi kwamanzi nabo bahlala kuwo.+   IShiyol ize phambi kwakhe,+ Nendawo yentshabalalo ayinasigqubuthelo.   Elasentla ulolula phezu kwendawo engenanto,+ Ihlabathi ulixhoma kokungento;   Amanzi uwasongela ngamafu akhe,+ Ukuze ingqimba yelifu ingahlukani ngaphantsi kwawo;   Uvingca ubuso betrone, Elaneka phezu kwayo ilifu lakhe.+ 10  Wenze isazinge phezu kobuso bamanzi,+ Apho ukukhanya kuphelela ebumnyameni. 11  Iintsika zezulu ziyangcangcazela, Yaye zithi manga ngenxa yokukhalinyelwa nguye. 12  Ngamandla akhe uzamazamisa ulwandle,+ Yaye ngokuqonda kwakhe waphule umhlaseli+ wamqoba.+ 13  Ngomoya wakhe ulikhazimlisile izulu,+ Isandla sakhe siyihlabile inyoka enyebelezayo.+ 14  Khangela! Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe,+ Yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye! Kodwa ngubani onokubonisa ukuyiqonda indudumo yakhe enamandla?”+

Umbhalo osemazantsi