I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 23:1-17

23  Waza waphendula uYobhi wathi:   “Kwananamhlanje ukuxhalaba kwam+ kuyimvukelo; Isandla sam sinzima ngenxa yokuncwina kwam.   Owu akwaba bendisazi ukuba ndinokumfumana phi na ngokwenene!+ Bendiya kuza ndiye kufika kwindawo ahlala kuyo.+   Bendiya kuzisa phambi kwakhe ityala, Ndize umlomo wam ndiwuzalise ngeengxoxo zokuziphendulela;   Bendiya kuwazi amazwi andiphendula ngawo, Yaye bendiya kukuqwalasela oko akuthethayo kum.+   Ngaba ebeya kusukuzana nam ngamandla amakhulu? Akunjalo! Ngokuqinisekileyo ebeya kunikela ingqalelo kum.+   Lowo uthe tye ngokuqinisekileyo uya kuyilungelelanisa imicimbi, Yaye bendiya kumka kumgwebi wam ndikhuselekile ngonaphakade.   Khangela! Ndiya empuma, yaye akakho apho; Ndibuye kwakhona, ibe andimqondi;+   Ekhohlo apho asebenza khona, kodwa andimboni; Ujikela ngasekunene, kodwa andimboni. 10  Kuba uyazi kakuhle indlela endiyithabathayo.+ Emva kokuba endivavanyile, ndiya kuphuma ndinjengegolide.+ 11  Unyawo lwam lunamathele emanyathelweni akhe; Indlela yakhe ndiyigcinile, yaye andiphambuki.+ 12  Emyalelweni wemilebe yakhe andisuki.+ Ndiwagcinile amazwi omlomo wakhe+ ngaphezu koko ndimiselwe kona. 13  Inye ingqondo yakhe, yaye ngubani onokumxhathisa?+ Nomphefumlo wakhe uyanqwena, kwaye uya kukwenza.+ 14  Kuba uya kukuphumeza ngokupheleleyo oko ndikumiselweyo,+ Yaye izinto ezinjengezi zininzi kuye. 15  Kungenxa yoko ndiziva ndiphazamisekile ngenxa yakhe; Ndizibonakalisa ndinikela ingqalelo yaye uyandinkwantyisa.+ 16  KwanoThixo uyenze yaphakuzela intliziyo yam,+ Yaye uSomandla undiphazamisile.+ 17  Kuba andenziwanga ndathi cwaka ngenxa yobumnyama, Nangenxa yokuba ubuso bam bugutyungelwe sisithokothoko.

Umbhalo osemazantsi