Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 2:1-13

2  Kamva kwafika imini yokuba oonyana boTHIXO oyinyaniso bangene ukuze beme ezindaweni zabo phambi koYehova, kwanoSathana wangena phakathi kwabo ukuze eme endaweni yakhe phambi koYehova.+  Wathi uYehova kuSathana: “Uvela phi na?” USathana wamphendula uYehova wathi: “Ekubhaduleni emhlabeni nasekuhambahambeni kuwo.”+  Waza uYehova wahlabela mgama wathi kuSathana: “Uyibhekisile na intliziyo yakho kumkhonzi wam uYobhi,+ ukuba akukho bani unjengaye emhlabeni, indoda engenakusoleka nethe tye,+ eyoyika uThixo+ nephambukayo ebubini?+ Kwanangoku usabambelele nkqi kwingqibelelo yakhe,+ nangona undixhokonxela+ ukuba ndimginye ngaphandle kwesizathu.”+  Kodwa uSathana+ wamphendula uYehova wathi: “Ulusu ngenxa yolusu, yaye yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.+  Ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise ufikelele ethanjeni lakhe nasenyameni yakhe uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.”+  Ngako oko uYehova wathi kuSathana: “Nanko usesandleni sakho! Kuphela nje lumkela umphefumlo wakhe!”  Ngoko uSathana waphuma wemka phambi kukaYehova+ waza wambetha uYobhi ngamathumba+ abuhlungu ukususela entendeni yonyawo lwakhe ukuya elukakayini lwentloko yakhe.  Wathabatha ke yena iceba lengqayi ukuze azikrwele ngalo; waza wahlala eluthuthwini.+  Ekugqibeleni umfazi wakhe wathi kuye: “Ngaba usabambelele nkqi kwingqibelelo yakho?+ Mqalekise uThixo uze ufe!” 10  Kodwa wathi yena kuye: “Ukuthetha kwakho kunjengokuthetha komfazi ongenangqiqo.+ Ngaba sifanele samkele okulungileyo kuphela kuTHIXO oyinyaniso singamkeli kwanokubi?”+ Kuko konke oku uYobhi akonanga ngemilebe yakhe.+ 11  Aza amaqabane amathathu kaYobhi eva ngayo yonke le ntlekele yayimehlele, eza, ngalinye livela endaweni yalo, uElifazi umTeman+ noBhiledadi umShuha+ noTsofare umNahama.+ Ngoko ahlanganisana ngokwedinga+ ukuze eze kuvelana naye aze amthuthuzele.+ 12  Akuphakamisa amehlo awo esekude akazange amqonde ngoko. Aza aphakamisa ilizwi lawo alila, akrazula+ elowo isambatho sakhe esingenamikhono yaye aphosa uthuli phezulu ezulwini lwawela ezintlokweni zawo.+ 13  Aqhubeka ehleli naye+ emhlabeni iintsuku ezisixhenxe nobusuku obusixhenxe, yaye kwakungekho namnye uthetha ilizwi kuye, kuba abona ukuba intlungu+ yayinkulu kakhulu.

Umbhalo osemazantsi