I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 18:1-21

18  Waza waphendula uBhiledadi umShuha wathi:   “Koda kube nini na niwaphelisa amazwi? Nifanele niqonde, ukuze emva koko sithethe.   Kutheni sifanele sibalelwe kumarhamncwa+ Sigqalwe njengabangahlambulukanga emehlweni enu?   Uyawuqwenga umphefumlo wakhe ngenxa yomsindo wakhe. Ngaba umhlaba uya kushiywa ngenxa yakho na, Okanye iliwa liya kusuka endaweni yalo?   Ukukhanya kwabangendawo nako kuya kucinywa+ Nentlantsi yomlilo wakhe ayiyi kukhanya.   Ukukhanya kuya kuba mnyama ententeni yakhe,+ Yaye kuyo isibane sakhe siya kucinywa.   Amanyathelo akhe amandla aya kuxineka. Kwanecebo lakhe liya kumwisa.+   Kuba eneneni iinyawo zakhe ziya kumqhubela emnatheni, Yaye uya kunyathela umnatha ophinyeneyo.+   Isibatha siya kumbamba ngesithende;+ Umgibe+ uqhubeka umbambile. 10  Ufihlelwe intambo emhlabeni, Nento yokubambisa emendweni wakhe. 11  Macala onke, izinto ezinkwantyisa ngesiquphe zimenza axhume kukothuka,+ Zize zimsukele ngokwenene. 12  Amandla akhe ayaphela, Yaye intlekele+ ihlala ilungele ukumenza ajingxele. 13  Iya kudla izicwili zolusu lwakhe; Izibulo lokufa liya kudla amalungu omzimba wakhe. 14  Ukuzithemba kwakhe kuya kuncothulwa ententeni yakhe+ Kumqhubele kukumkani wonkwantyo. 15  Ententeni yakhe kuya kuhlala into engeyoyakhe; Isalfure+ iya kusasazwa endaweni yakhe yokuhlala. 16  Ngaphantsi iingcambu zakhe ziya koma,+ Yaye, ngaphezulu, isebe lakhe liya kubuna. 17  Ukukhankanywa kwakhe kuya kutshabalala emhlabeni,+ Yaye igama lakhe aliyi kubakho esitratweni. 18  Baya kumtyhalela ngaphandle kokukhanya ebumnyameni, Baze bamgxothe elizweni elinemveliso. 19  Akayi kuba nazizukulwana nanzala phakathi kwabantu bakowabo,+ Yaye akuyi kubakho usindayo endaweni aphambukele kuyo. 20  Ngomhla wakhe abantu baseNtshona baya kujonga bethe manga, Yaye ngokuqinisekileyo kwanabantu baseMpuma baya kutyhwatyhwa. 21  Le yiminquba yomenzi-bubi kuphela, Yaye le yindawo yalowo ungamazanga uThixo.”

Umbhalo osemazantsi