Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 17:1-16

17  “Umoya wam waphulwe,+ imihla yam icinyiwe;Indawo yam isemangcwabeni.+   Ngokuqinisekileyo ndenziwa intlekisa,+Yaye iliso lam lihlala phakathi kokuziphatha kwabo ngemvukelo.   Nceda, ubeke isibambiso sam kuwe.+Ngubani omnye okhoyo oya kuxhawulana+ nam njengesiqinisekiso?   Kuba intliziyo yabo uyivalile ekubeni nengqiqo.+Kungenxa yoko le nto ungabaphakamisiyo.   Unokuxelela abalingane ukuba bathabathe izabelo zabo,Kodwa amehlo oonyana bakhe aya kuphelelwa.+   Yaye undibeke njengomzekelo+ kwizizwana,Ukuze ndibe ngumntu ekutshicelwa ebusweni bakhe.+   Iliso lam linorhatyazo ngenxa yokukhathazeka+Yaye onke amalungu am afana nesithunzi.   Abantu abathe tye bakujonga oku bethe manga,Kwanalowo umsulwa uyavuseleleka ngenxa yomwexuki.   Lowo ulilungisa uqhubeka ebambelele nkqi endleleni yakhe,+Yaye amandla alowo unezandla ezihlambulukileyo+ aqhubeka esanda.+ 10  Noko ke, ngamana nonke madoda ningaqhubeka. Ngoko ncedani nize,Ekubeni ndingafumani namnye ulumkileyo phakathi kwenu.+ 11  Imihla yam idlule,+ amacebo am aqhawulwe,+Iminqweno yentliziyo yam. 12  Ubusuku baqhubeka bebubekela imini:+‘Ukukhanya kusondele ngenxa yobumnyama.’ 13  Ukuba ndiqhubeka ndilindile, iShiyol iba yindlu yam;+Isingqengqelo sam kuya kufuneka ndisandlale ebumnyameni.+ 14  Kuya kufuneka ndimemeze umhadi+ ndithi, ‘Ungubawo!’Kwimpethu ndithi,+ ‘Mama nodade wethu!’ 15  Ngoko, liphi na ithemba lam?+Yaye ithemba lam—ngubani na olibonayo? 16  Baya kuhla baye kwimivalo yeShiyol,Xa thina, sonke, simele sihle siye eluthulini.”+

Umbhalo osemazantsi