Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

Yobhi 14:1-22

14  “Umntu, ozelwe ngumfazi,+Unobomi obufutshane+ obuzele kukuphazamiseka.+   Njengentyatyambo uyavela aze anqunyulwe,+Yaye ubaleka emke njengesithunzi+ angaqhubeki ekho.   Ewe, iliso lakho ulivulile phezu kwalo,Yaye mna undizise ekugwetyweni.+   Ngubani na ongavelisa umntu ohlambulukileyo kumntu ongahlambulukanga?+Akukho namnye.   Ukuba imihla yakhe igqityiwe,+Inani leenyanga zakhe likuwe;Umenzele ummiselo ukuze angagqithi.   Yeka ukumondela ukuze afumane ukuphumla,+De afumane uyolo njengoko umqeshwa elufumana ngemini yakhe.   Kuba kukho ithemba nangomthi.Ukuba uthi ugawulwe, uya kuhluma kwakhona,+Yaye isetyana lawo aliyi kuyeka ukubakho.   Ukuba ingcambu yawo iba ndala emhlabeniSize isiphunzi sawo sife eluthulini,   Ngevumba lamanzi uya kuhluma+Uze ngokuqinisekileyo uvelise isebe njengesithole.+ 10  Kodwa indoda eyomeleleyo iyafa ize ilale yoyisiwe;Yaye umntu wasemhlabeni uyabhubha, yaye uphi na?+ 11  Amanzi athi shwaka elwandle,Yaye umlambo uyatsha uze wome.+ 12  Kwanomntu uyalala aze angavuki.+De izulu lingabikho abayi kuvuka,+Yaye abayi kuvuswa ebuthongweni babo.+ 13  Owu akwaba ubungandifihla eShiyol,+Undigcine ndifihlakele de ubuye umsindo wakho,Undibekele umda wexesha+ uze undikhumbule!+ 14  Ukuba indoda eyomeleleyo iyafa ngaba inokuphila kwakhona?+Ngayo yonke imihla yam yomsebenzi osisinyanzelo ndiya kulinda,+Kude kufike ukukhululeka kwam.+ 15  Uya kubiza, ndisabele.+Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho. 16  Kuba ngoku uqhubeka uwabala amanyathelo am;+Akukho nto uyilindileyo ngaphandle kwesono sam.+ 17  Imvukelo yam itywinwe engxoweni,+Yaye isiphoso sam usifaka isinamatheliso. 18  Noko ke, xa intaba isiwa, iya kunyamalala,Kwaneliwa liya kususwa endaweni yalo. 19  Amanzi ngokuqinisekileyo akhuthula kwanamatye;Ukuphuphuma kwawo kukhukulisa uthuli lomhlaba.Ngoko ulitshabalalisile ithemba lomntu ofayo. 20  Umongamela ngonaphakade ukuze emke;+Uyayijika imbonakalo yobuso bakhe ukuze umndulule. 21  Oonyana bakhe banikwa imbeko, kodwa yena akakwazi oko;+Bayadelelwa, kodwa akabaqwalaseli. 22  Yinyama yakhe ngoxa ikuye kuphela eya kuqhubeka iqaqamba,Nomphefumlo wakhe ngoxa ungaphakathi kuye uya kuqhubeka uzilile.”

Umbhalo osemazantsi