I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 13:1-28

13  “Khangela! Konke oku iliso lam likubonile, Indlebe yam ivile yaza yaqwalasela.   Oko nikwaziyo nam ndiyakwazi; Andikho ngaphantsi kuni.+   Noko ke, mna ndiya kuthetha kuSomandla,+ Yaye ndiya kuyoliswa kukuxoxa noThixo.   Kwelinye icala, ningabo badyobha ngobuxoki;+ Nonke ningoogqirha abangenaxabiso.+   Ukuba nje beninokuthi cwaka ngokupheleleyo, Ukuze kungqineke kububulumko kuni oko!+   Ncedani, nive ingxoxo yam yokuziphendulela,+ Nikunikele ingqalelo ukubongoza kwemilebe yam.   Ngaba niya kuthethela uThixo ngentswela-bulungisa, Nize nimthethele ngenkohliso?+   Ngaba niya kumphatha ngokukhetha ubuso,+ Okanye ngaba niya kusukuzana ematyaleni ngenxa yoTHIXO oyinyaniso?   Ngaba kuya kulunga xa athe wanigocagoca?+ Okanye njengoko ubani ekhohlisa umntu ofayo ngaba niya kumkhohlisa? 10  Uya kunohlwaya ngokuqinisekileyo+ Ukuba nizama ukukhetha ubuso emfihlekweni;+ 11  Ngaba isidima sakhe asiyi kunenza nixhume kukothuka, Kuze ukunkwantya nguye kube phezu kwenu?+ 12  Amazwi enu akhumbulekayo yimizekeliso yothuthu; Izihombiso zamakhaka enu zizihombiso zamakhaka odongwe.+ 13  Yithini cwaka phambi kwam, ukuze ndithethe. Ndandule ndifikelwe nayintoni na! 14  Kutheni inyama yam ndiyithwele ngamazinyo am Ndibeke umphefumlo wam entendeni yam?+ 15  Kwanokuba unokundibulala, ngaba andiyi kulinda?+ Ndiya kuxoxa phambi kobuso bakhe kuphela ngenxa yeendlela zam. 16  Kwayena uya kuba lusindiso lwam,+ Kuba phambi kwakhe akukho mwexuki uya kungena.+ 17  Liveni ilizwi lam,+ Kuze endikuvakalisayo kube sezindlebeni zenu. 18  Khanikhangele! Ndizise ityala;+ Ndazi kakuhle ukuba ndenze okulungileyo. 19  Ngubani na oya kusukuzana nam?+ Kuba ngoku ukuba bendiya kuthi cwaka bendiya kusuka ndibhubhe! 20  Zimbini kuphela izinto ofanele ungazenzi kum; Ukuze ndingazifihli ngenxa yakho;+ 21  Sishenxisele kude kum isandla sakho, Yaye ukothuka ngenxa yakho—ngamana kungangandinkwantyisi.+ 22  Ndibize ukuze ndiphendule; Okanye mandithethe, uze undiphendule. 23  Ziyintoni na iziphoso nezono zam? Ndazise imvukelo yam nesono sam. 24  Kutheni ubufihla ubuso bakho+ Uze undigqale njengotshaba lwakho?+ 25  Ngaba uya kulenza lididizele igqabi eliphetshethwayo, Okanye uqhubeke usukela iindiza ezomileyo? 26  Kuba uqhubeka ubhala izinto ezikrakra ngam+ Yaye undenza ndibe lilifa lemiphumo yeziphoso zobutsha bam.+ 27  Kwaneenyawo zam uzigcina zisesitokisini,+ Yaye ulinda wonke umendo wam; Kuba ezintendeni zeenyawo zam ubeka owakho umzila. 28  Yaye ufana nento ebolileyo ephelayo;+ Njengesambatho esidliwa linundu siphele.+

Umbhalo osemazantsi