I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 12:1-25

12  Waza waphendula uYobhi wathi:   “Enyanisweni nina madoda ningabantu, Yaye kuni ubulumko buya kufa!+   Nam ndinentliziyo+ njengani. Andikho ngaphantsi kuni,+ Ngubani na ongenazo izinto ezinjengezi?   Ndiyintlekisa kwidlelane lam,+ Lowo ubiza uThixo ukuba amphendule.+ Oyintlekisa ngulowo ulilungisa, ungasolekiyo.   Kwiingcamango zakhe, lowo ungakhathaliyo ukudelile ukuphelelwa;+ Kulungiselelwe abo baneenyawo ezixengaxengayo.+   Iintente zabaphangi azikhathazwa,+ Yaye abo bacaphukisa uThixo banokhuseleko Lwalowo uzise uthixo esandleni sakhe.+   Noko ke, khawuncede, ubuze izilwanyana zasekhaya, zikuyalele;+ Kwanezidalwa ezinamaphiko zezulu, zikuxelele.+   Okanye bonakalisa ukuxhalaba kwakho emhlabeni, uze wona ukuyalele;+ Yaye iintlanzi zolwandle+ ziya kukuvakalisa kuwe.   Ngubani na phakathi kwazo zonke ezi ongazi kakuhle Ukuba sisandla sikaYehova esenze oku,+ 10  Osesandleni sakhe umphefumlo+ wakhe wonk’ ubani ophilayo Nomoya wayo yonke inyama yabantu?+ 11  Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi+ Njengoko inkalakahla+ ingcamla ukutya? 12  Ngaba akukho bulumko phakathi kwabalupheleyo+ Nokuqonda ebudeni bemihla? 13  Kuye kukho ubulumko namandla;+ Unecebo nokuqonda.+ 14  Khangela! Uyachitha, ukuze kungakhiwa;+ Uyayivala emntwini, ukuze ingavulwa.+ 15  Khangela! Uyawathintela amanzi aze ome;+ Uyawathumela, awutshintshe umhlaba.+ 16  Akuye amandla nobulumko bobuqili;+ Ngowakhe lowo wenza impazamo nalowo ulahlekisayo;+ 17  Wenza abacebisi bahambe benganxibanga ezinyaweni,+ Yaye uphambanisa abagwebi. 18  Imixokelelwane yookumkani uyayikhulula,+ Yaye ubopha ibhanti ezinqeni zabo. 19  Ababingeleli ubahambisa benganxibanga ezinyaweni,+ Aze abo bahleli ngokusisigxina ababhukuqe;+ 20  Ususa intetho kwabo bathembekileyo, Aze ingqiqo yamadoda amadala ayisuse; 21  Uphalazela izidwangube ngendelelo,+ Aze umbhinqo wabo banamandla awenze buthathaka; 22  Utyhila izinto ezinzulu ezisebumnyameni,+ Yaye uzisa ekukhanyeni ithunzi elimnyama; 23  Esenza iintlanga zikhule kakhulu, ukuze azitshabalalise;+ Esasaza iintlanga, ukuze azikhokelele kude; 24  Ususa intliziyo yabaziintloko ebantwini belizwe, Ukuze abenze babhadule endaweni engenanto,+ apho kungekho ndlela khona. 25  Baphuthaphutha ebumnyameni,+ apho kungekho kukhanya khona, Ukuze abenze babhadule njengomntu onxilileyo.+

Umbhalo osemazantsi