I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 11:1-20

11  Waza waphendula uTsofare umNahama+ wathi:   “Ngaba amazwi amaninzi akayi kuphendulwa, Okanye ngaba umqhayisi uya kuba ngolungileyo?   Ngaba intetho yakho elilize iya kuwavala umlomo amadoda, Yaye ngaba uya kuqhubeka ugculela kungekho ukukhalimelayo?+   Kwakhona, uthi, ‘Ukuyalela kwam+ kusulungekile, Yaye nam ndizingqine ndihlambulukile+ emehlweni akho.’   Ukanti akwaba uThixo ebenokuthetha Ayivule imilebe yakhe nawe!+   Ubeya kwandula akuxelele iimfihlelo zobulumko, Kuba izinto zobulumko bobuqili ziphindwe kaninzi. Kwakhona, ubuya kwazi ukuba uThixo uzivumela zilityalwe ezinye zeziphoso zakho.+   Ngaba unokuzifumana izinto ezinzulu zikaThixo,+ Okanye ngaba unokusifumana isiphelo sikaSomandla?   Siphakame ngakumbi kunezulu. Yintoni onokuyifeza? Sinzulu ngakumbi kuneShiyol.+ Yintoni na onokuyazi?   Side kunomhlaba xa silinganiswa, Sibanzi kunolwandle. 10  Ukuba uyadlula anikele umntu othile Abize inkundla, ngoko ngubani na onokumxhathisa? 11  Kuba yena uwazi kakuhle amadoda angenanyaniso.+ Xa ebona okwenzakalisayo, ngaba akayi kuzibonakalisa enikela ingqalelo? 12  Kwanendoda esisiphukuphuku iya kufumana intshukumisa elungileyo Kamsinya lakuba iqwarhashe elifana ne-esile lizelwe lingumntu. 13  Ukuba unokuyilungisa ngokwenene intliziyo yakho Uze uzolulele kuye ngokwenene izandla zakho,+ 14  Ukuba kukho okwenzakalisayo esandleni sakho, kushenxisele kude, Uze ungavumeli intswela-bulungisa ihlale ezintenteni zakho. 15  Kuba ngoko uya kubuphakamisa ubuso bakho ungenasiphene+ Yaye ngokuqinisekileyo uya kumiselwa, ibe akuyi koyika. 16  Kuba wena—wena uya kuyilibala inkathazo; Uyikhumbule njengamanzi adlulileyo. 17  Yaye ubude bobomi bakho+ buya kuvela buqaqambe ngaphezu kwasemini emaqanda; Ubumnyama buya kufana nentsasa.+ 18  Yaye uya kukholosa ngenxa yokuba kukho ithemba; Yaye ngokuqinisekileyo uya kukhangela ngenyameko—ulale unqabisekile.+ 19  Uya kuzolula ngokwenene, kungekho ukwenza ungcangcazele. Yaye abantu abaninzi ngokuqinisekileyo baya kukuthantamisa;+ 20  Kwaye amehlo abangendawo aya kuphelelwa;+ Indawo yokusabela itshabalale kubo,+ Ithemba labo liya kuba kukubhubha komphefumlo.”+

Umbhalo osemazantsi