I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yobhi 10:1-22

10  “Ngokuqinisekileyo umphefumlo wam uziva uzothekile bubomi bam.+ Ndiza kukukhupha ukuxhalaba kwam ngesiqu sam. Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam!   Ndiya kuthi kuThixo, ‘Musa ukundivakalisa ndingongendawo. Ndazise isizathu sokuba usukuzane nam.   Ngaba kulungile kuwe ukuba wenze okuphosakeleyo,+ Ukuba uyigatye imveliso yomsebenzi onzima wezandla zakho,+ Yaye ufanele uqaqambe phezu kwecebo labangendawo?   Ngaba unamehlo+ enyama, Okanye ngaba ubona njengokubona komntu ofayo?+   Ngaba imihla yakho ifana nemihla yomntu ofayo,+ Okanye iminyaka yakho ifana nemihla yendoda eyomeleleyo,   Ukuba ufanele uzame ukufuna isiphoso sam Uze uqhubeke ukhangela isono sam?+   Oku ukwenza nangona usazi ukuba andenzanga nto iphosakeleyo,+ Yaye akukho namnye uhlangulayo esandleni sakho?+   Izandla zakho zandibumba, zandenza+ Sekunjalo uyandiginya.   Khawuncede, ukhumbule ukuba undenze ngodongwe+ Yaye uya kundibuyisela eluthulini.+ 10  Ngaba awundithululanga njengobisi Waza wandivuthiswa njengesonka samasi?+ 11  Wandambesa ulusu nenyama Waza wandiluka ngamathambo nemisipha.+ 12  Undisebenzele ubomi nobubele bothando;+ Nenyameko yakho+ iwulindile umoya wam. 13  Yaye ezi zinto uzifihle entliziyweni yakho. Ndiyazi kakuhle ukuba ezi zinto zikuwe. 14  Ukuba ndonile+ waza wena waqhubeka undilindile Yaye akwandigqala njengomsulwa kwisiphoso sam;+ 15  Ukuba eneneni ndenze into ephosakeleyo, yeha ke mna!+ Ukuba eneneni ndenze okulungileyo, andinakuyiphakamisa intloko yam,+ Ndizaliswe lihlazo yaye ndanele yinkxwaleko.+ 16  Yaye ukuba yenza ngekratshi,+ uya kundizingela njengengonyama entsha,+ Yaye uya kuzibonakalisa umangalisa kwakhona kwimeko yam. 17  Uya kuvelisa amangqina akho amatsha phambi kwam, Yaye ingqumbo yakho uya kuyenza nkulu ngakumbi kum; Ndifikelwa bubunzima emva kobunzima. 18  Ngoko wandikhuphelani na esibelekweni?+ Ukuba ndandibhubhile, ngekungekho neliso engelalindibonile, 19  Apho ngekwakube ngathi andizange ndibekho; Ngendandisuke esizalweni ndasiwa endaweni yokungcwaba.’ 20  Ngaba azimbalwanga iintsuku zam?+ Makayeke, Makajike ekundondeleni, ukuze ndiqaqambe+ kancinane 21  Ngaphambi kokuba ndimke—yaye andiyi kubuya+ Ndiye elizweni lobumnyama nethunzi elimnyama,+ 22  Elizweni lokusithakala okunjengesithokothoko, lethunzi elimnyama Nesidubedube, apho ukuqaqamba kungekho ngaphezu kwesithokothoko.”

Umbhalo osemazantsi