I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 47:1-7

47  Lilo eli ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti ngokuphathelele amaFilisti+ phambi kokuba uFaro axabele iGaza.+  Utsho uYehova ukuthi: “Khangela! Kunyuka amanzi evela+ ngasemntla+ angumsinga okhukulayo. Kwaye aya kulikhukulisa ilizwe noko kulizalisileyo, isixeko nabemi baso.+ Yaye ngokuqinisekileyo abantu baya kudanduluka, wonk’ ubani ohlala elizweni umele abhomboloze.+  Ngenxa yesandi sokungqisha kweempuphu zeenkunzi zamahashe akhe,+ ngokugoqoza kweenqwelo zakhe zokulwa,+ ingxokozelo yamavili akhe,+ ooyise okunene abayi kuphethukela koonyana, ngenxa yokuwa kwezandla zabo,  ngenxa yemini leyo izayo ukuza kuphanga onke amaFilisti,+ kunqunyulwe eTire+ naseSidon+ wonke osindileyo obencedisa.+ Kuba uYehova uyawaphanga amaFilisti,+ aseleyo kwisiqithi saseKafetori.+  IGaza+ iya kucheba inkqayi.+ IAshkelon+ bayitsho yathi cwaka. Owu ntsalela esentilini yabo, kuya kude kube nini na nimana nizicenta?+  “Heke, ikrele likaYehova!+ Kuya kude kube nini na ungathi cwaka? Ngena esingxotyeni sakho.+ Phumla uze uthi cwaka.  “Lingathini ukuthi cwaka, xa liwunikwe nguYehova ngokwakhe umyalelo? LelaseAshkelon naselunxwemeni lolwandle.+ Utyumbe ukuba libe lapho.”

Umbhalo osemazantsi