I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 45:1-5

45  Lilo eli ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki+ unyana kaNeriya xa wawabhalayo encwadini la mazwi ephuma emlonyeni kaYeremiya+ ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, esithi:  “Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ngawe, Bharuki, ukuthi,  ‘Wena uthe: “Yeha, ke mna,+ kuba uYehova wongezelele intlungu kwingqaqambo yam! Ndityhafile ngenxa yokuncwina kwam, yaye andifumananga ndawo yokuphumla.”’+  “Ufanele utsho kuye ukuthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Khangela! Oko ndikwakhileyo ndiyakuchitha, noko ndikutyalileyo ndiyakuncothula, kwanelizwe lonke.+  Kodwa wena ke, uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu.+ Musa ukuqhubeka uzifuna.”’+ “‘Kuba yabona, ndiyizisela intlekele inyama yonke,’+ utsho uYehova, ‘yaye ndiza kukunika umphefumlo wakho ube lixhoba kuzo zonke iindawo osenokuya kuzo.’”+

Umbhalo osemazantsi