I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 39:1-18

39  Ngonyaka wesithoba kaZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi,+ uNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni nawo wonke umkhosi wakhe wamajoni beza eYerusalem baza bayingqinga.+  Ngonyaka weshumi elinanye kaZedekiya, ngenyanga yesine, ngomhla wesithoba enyangeni leyo, kwatyhotyozwa esixekweni.+  Yaye zonke iinkosana zokumkani waseBhabhiloni zangena zaza zahlala phantsi kwiSango Eliphakathi,+ zizo ezi, uNergali-sharetsere, uSamgar-nebho, uSarsekim, uRabhesarisi, uNergali-sharetsere umRabhemage nazo zonke ezinye iinkosana zokumkani waseBhabhiloni.  Ke kaloku kwathi kamsinya nje akuzibona uZedekiya ukumkani wakwaYuda nawo onke amadoda emfazwe, babaleka bemka,+ baphuma esixekweni ngobusuku ngendlela yomyezo kakumkani,+ ngesango eliphakathi kweendonga ezimbini; yaye baqhubeka bephuma ngendlela yaseArabha.+  Umkhosi wamajoni amaKhaledi wabasukela,+ waza wamfumana uZedekiya emathafeni ayinkqantosi aseYeriko.+ Wandula ke wamthabatha wamzisa kuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni eRibhela+ kwilizwe laseHamati+ ukuze avakalise izigwebo zakhe.+  Ukumkani waseBhabhiloni wababulala ngogonyamelo+ oonyana bakaZedekiya eRibhela phambi kwamehlo akhe,+ nazo zonke izidwangube zakwaYuda ukumkani waseBhabhiloni wazibulala ngogonyamelo.+  Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya,+ emva koko wambopha ngamakhamandela obhedu, ukuze amzise eBhabhiloni.  Indlu yokumkani nezindlu zabantu amaKhaledi azitshisa ngomlilo,+ neendonga zaseYerusalem azidiliza.+  Yaye abanye abantu ababeshiywe esixekweni, nabo baqhweshileyo ababephambukele kuye, nabanye abantu ababeshiyiwe, uNebhuzaradan+ intloko yamafanankosi+ wabathabathela ekuthinjweni eBhabhiloni.+ 10  Ke inxalenye yabantu, izisweli ezazingenanto konke konke, uNebhuzaradan intloko yamafanankosi wayishiya kwilizwe lakwaYuda;+ yaye wayinika izidiliya nenkonzo yesinyanzelo ngaloo mini.+ 11  Ngapha koko, uNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni wanikela umyalelo ngokuphathelele uYeremiya ngoNebhuzaradan intloko yamafanankosi, esithi: 12  “Mthabathe uze umise amehlo akho kuye, yaye musa ukwenza nantoni na embi kuye konke konke.+ Kodwa kanye njengoko ethetha kuwe, uze ke wenjenjalo kuye.”+ 13  Ngako oko uNebhuzaradan+ intloko yamafanankosi noNebhushazebhan umRabhesarisi, noNergali-sharetsere umRabhemage nawo onke amadoda aziintloko okumkani waseBhabhiloni bathumela; 14  bathumela baza bamthabatha uYeremiya kwiNtendelezo Yabalindi,+ bamnikela kuGedaliya+ unyana ka-Ahikam+ unyana kaShafan,+ ukuba amzise endlwini yakhe, ukuze ahlale phakathi kwabantu abo. 15  Lafika ilizwi likaYehova kuYeremiya ngoxa wayesavalelwe kwiNtendelezo Yabalindi,+ lisithi: 16  “Hamba, uze uthi kuEbhedi-meleki+ umTiyopiya, ‘Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Yabona, ndiwenza abe yinyaniso amazwi am kwesi sixeko, abe yintlekele kungekhona ukulungelwa,+ yaye ngokuqinisekileyo aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mini.”’+ 17  “‘Kwaye ndiza kukuhlangula ngaloo mini,’+ utsho uYehova, ‘yaye akuyi kunikelwa esandleni samadoda lawo uwoyikayo.’+ 18  “‘Kuba nakanjani na ndiya kukusindisa, yaye akuyi kuwa ngekrele; ngokuqinisekileyo uya kuba lixhoba lakho umphefumlo wakho,+ ngenxa yokuba ukholose ngam,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi