I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 28:1-17

28  Ngoko kwathi ngaloo nyaka, ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya+ ukumkani wakwaYuda, ngonyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, uHananiya+ unyana ka-Azure, umprofeti owayevela eGibheyon,+ wathi kum endlwini kaYehova phambi kwamehlo ababingeleli nawabantu bonke:  “Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi, ‘Ndiza kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabhiloni.+  Kwisithuba seminyaka emibini epheleleyo ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova leyo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni+ wayithabathayo kule ndawo ukuze ayise eBhabhiloni.’”  “‘NoYekoniya+ unyana kaYehoyakim,+ ukumkani wakwaYuda, nabo bonke abathinjwa bakwaYuda abaye eBhabhiloni+ ndibabuyisela kule ndawo,’ utsho uYehova, ‘kuba ndiya kuyaphula idyokhwe+ yokumkani waseBhabhiloni.’”  Waza uYeremiya umprofeti wathi kuHananiya umprofeti phambi kwamehlo ababingeleli naphambi kwamehlo abantu bonke ababemi endlwini kaYehova;+  ewe, uYeremiya umprofeti wathi: “Amen!+ Ngamana uYehova angenza ngaloo ndlela! Ngamana uYehova angawamisela amazwi akho owaprofetileyo ngokuthi impahla yendlu kaYehova nabo bonke abantu abathinjiweyo eBhabhiloni babuyiselwe kule ndawo!+  Noko ke, khawuncede uve eli lizwi ndilithetha ezindlebeni zakho nasezindlebeni zabo bonke abantu.+  Ngokubhekisele kubaprofeti ababephambi kwam nababephambi kwakho ukususela kudala,+ nabo babedla ngokuprofeta ngemfazwe nangentlekele nangendyikitya yokufa ngokuphathelele amazwe amaninzi nangokuphathelele izikumkani ezikhulu.+  Ngokubhekisele kumprofeti oprofeta ngoxolo,+ xa ilizwi lomprofeti lowo lisiba yinyaniso uya kwaziwa umprofeti lowo uYehova amthumileyo ngokwenyaniso.”+ 10  UHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti waza wayaphula.+ 11  Waza uHananiya+ wahlabela mgama wathi phambi kwamehlo abantu bonke: “Utsho uYehova ukuthi,+ ‘Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni kwisithuba seminyaka emibini epheleleyo entanyeni yeentlanga zonke.’”+ Yaye uYeremiya umprofeti wahamba indlela yakhe.+ 12  Ngoko kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya,+ emva kokuba uHananiya umprofeti wayeyaphule idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi: 13  “Hamba, uze uthi kuHananiya, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Iidyokhwe zomthi+ uzaphule, esikhundleni sazo ke kuya kufuneka wenze iidyokhwe zentsimbi.”+ 14  Kuba utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kubeka idyokhwe yentsimbi entanyeni yezi ntlanga zonke, ukuba zikhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni;+ kwaye zimele zimkhonze.+ Namarhamncwa asendle ndiza kuwanikela kuye.”’”+ 15  Waza uYeremiya umprofeti wahlabela mgama wathi kuHananiya+ umprofeti: “Khawuncede, phulaphula, Hananiya! UYehova akakuthumelanga, kodwa wena ubangele esi sizwana sakholosa ngobuxoki.+ 16  Ngoko ke utsho uYehova ukuthi, ‘Khangela! Ndiyakundulula umke phezu komhlaba. Umele ufe kulo nyaka,+ kuba uthethe imvukelo ecacileyo nxamnye noYehova.’”+ 17  Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo nyaka, ngenyanga yesixhenxe.+

Umbhalo osemazantsi