Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yer 24:1-10

24  UYehova wandibonisa, khangela! iingobozi ezimbini zamakhiwane zibekwe phambi kwetempile kaYehova, emva kokuba uNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni wayemthabathele ekuthinjweni uYekoniya+ unyana kaYehoyakim,+ ukumkani wakwaYuda, neenkosana zakwaYuda neengcibi+ nabakhi beendonga zokukhusela, ebasusa eYerusalem ukuze abase eBhabhiloni.+  Enye ingobozi, yayinamakhiwane alunge kakhulu, njengamakhiwane asekuqaleni;+ enye ingobozi, yayinamakhiwane amabi kakhulu, kangangokuba ayengenakudliwa ngenxa yobubi.  Wathi uYehova kum: “Ubona ntoni na, Yeremiya?” Ndathi: “Amakhiwane, amakhiwane alungileyo elunge kakhulu, nalawo mabi emabi kakhulu, kangangokuba akanakudliwa ngenxa yobubi.”+  Kwandula ke kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi, ‘Njengala makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubagqala abathinjwa bakwaYuda, abo ndiza kubandulula kule ndawo baye kwilizwe lamaKhaledi,+ ngendlela elungileyo.+  Ndiza kubeka iliso labo kum ngendlela elungileyo,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubabuyisela kweli lizwe.+ Kwaye ndiza kubakha, andiyi kubachitha; ndiza kubatyala, andiyi kubancothula.+  Ndiza kubanika nentliziyo yokundazi,+ ukuba ndinguYehova; yaye baya kuba ngabantu bam,+ nam ndibe nguThixo wabo, kuba baya kubuyela kum ngentliziyo yabo yonke.+  “‘Nanjengamakhiwane amabi angenakudliwa ngenxa yobubi,+ enyanisweni utsho uYehova ukuthi: “Ndiya kwenjenjalo ukumnikela uZedekiya+ ukumkani wakwaYuda neenkosana zakhe nentsalela yeYerusalem eseleyo kweli lizwe+ nabo bahlala kwilizwe laseYiputa+  ndiza kubanikela ukuba bangcangcazeliswe, babe yinto yentlekele, kuzo zonke izikumkani zomhlaba,+ babe lungcikivo+ nomzekelo, babe sisigculelo nesiqalekiso,+ kuzo zonke iindawo endiya kubasasazela kuzo.+ 10  Ndiza kuthumela kubo ikrele,+ indlala+ nendyikitya yokufa,+ de baphele emhlabeni endabanika wona bona nookhokho babo.”’”+

Umbhalo osemazantsi