I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 21:1-14

21  Ilizwi+ elafika kuYeremiya livela kuYehova, xa uKumkani uZedekiya+ wathuma kuye uPashure+ unyana kaMalekiya noZefaniya+ unyana kaMahaseya, umbingeleli, esithi:  “Khawuncede usibuzele kuYehova,+ ngenxa yokuba uNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni ulwa imfazwe nathi.+ Mhlawumbi uYehova uya kwenza kuthi ngokwemisebenzi yakhe yonke emangalisayo, ukuze emke kuthi.”+  Wathi uYeremiya kubo: “Nize nithi kuZedekiya,  ‘Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi: “Yabonani, ndiyazijika izixhobo zemfazwe ezisesandleni senu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabhiloni,+ namaKhaledi+ aningqingayo ngaphandle kodonga, kwaye ndiza kuzihlanganisela phakathi kwesi sixeko.+  Yaye mna ndiza kulwa nani+ ngesandla esoluliweyo nangengalo eyomeleleyo nangomsindo nangobushushu nangokucaphuka okukhulu.+  Kwaye ndiza kubabetha abemi besi sixeko, umntu nesilo. Baya kufa yindyikitya yokufa.”’+  “‘“Emva koko,” utsho uYehova, “ndiya kumnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda nabakhonzi nabantu nabo baseleyo kwesi sixeko kwindyikitya yokufa, ekreleni nasendlaleni, esandleni sikaNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni, nasesandleni seentshaba zabo nasesandleni sabo bafuna umphefumlo wabo, yaye ngokuqinisekileyo uya kubaxabela ngohlangothi lwekrele.+ Akayi kuba nosizi ngabo, engayi kubonisa mfesane okanye abe nayo nayiphi na inceba.”’+  “Kwesi sizwana uya kuthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa.+  Lowo uhlala azole kwesi sixeko uya kufa likrele nayindlala nayindyikitya yokufa;+ kodwa lowo uphumayo nothi okunene awele kumaKhaledi aningqingileyo uya kuhlala ephila, kwaye umphefumlo wakhe ngokuqinisekileyo uya kuba lixhoba lakhe.”’+ 10  “‘“Kuba ubuso bam ndibubhekise kwesi sixeko ukuze kube yintlekele kungekhona okulungileyo,”+ utsho uYehova. “Siya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabhiloni,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kusitshisa ngomlilo.”+ 11  “‘Yaye ngokubhekisele kwindlu kakumkani wakwaYuda, yivani, bantundini, ilizwi likaYehova.+ 12  Owu ndlu kaDavide,+ utsho uYehova ukuthi: “Ntsasa nganye+ nikelani isigwebo ngokusesikweni,+ kwaye mhlanguleni ophangwayo esandleni soqhathayo,+ ukuze umsindo wam ungaphumi njengomlilo+ uze okunene utshise ukuze kungabikho bani wokuwucima ngenxa yobubi bezenzo zenu.”’+ 13  “‘Yabona, ndinxamnye nawe, wena mmi olibhinqa wasentilini,+ liwa lomhlaba othe tyaba,’ utsho uYehova. ‘Nina ke enithi: “Ngubani na oya kuhla nxamnye nathi? Ingubani na noya kungena kwiindawo zethu zokuhlala?”+ 14  Ndiza kuniphendulisa+ ngokwesiqhamo sezenzo zenu,’+ utsho uYehova. ‘Kwaye ndiza kulitshisa ngomlilo ihlathi layo,+ uziqwenge zonke izinto eziyijikelezileyo.’”+

Umbhalo osemazantsi