I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 20:1-18

20  Ke kaloku uPashure unyana kaImere,+ umbingeleli, owayekwangumveleli okhokelayo endlwini kaYehova,+ wahlala emphulaphule uYeremiya ngoxa wayeprofeta la mazwi.  Wandula ke uPashure wambetha uYeremiya umprofeti+ waza wamfaka ezitokisini+ ezazingakwiSango Elingasentla lakwaBhenjamin, elalisendlwini kaYehova.  Kodwa kwathi ngemini elandelayo uPashure wamkhupha uYeremiya ezitokisini,+ waza uYeremiya wathi kuye: “UYehova ubize igama lakho,+ kungekhona ngokuba unguPashure, kodwa ngokuba unguKothuka macala onke.+  Kuba utsho uYehova ukuthi, ‘Yabona ndikwenza ube kukothuka kuwe ngokwakho nakubo bonke abo bakuthandayo, yaye ngokuqinisekileyo baya kuwa likrele leentshaba zabo+ ngoxa ekhangele amehlo akho;+ noYuda wonke ndiya kumnikela esandleni sokumkani waseBhabhiloni, kwaye okunene uya kubathabathela ekuthinjweni eBhabhiloni aze abaxabele ngekrele.+  Yaye ndiza kunikela yonke ingqwebo yesi sixeko nemveliso yaso yonke nezinto zonke ezixabisekileyo zaso; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndiza kubunikela esandleni seentshaba zabo.+ Kwaye ngokuqinisekileyo baya kubuphanga babuthabathe baze babuse eBhabhiloni.+  Wena ke, Pashure, nabo bonke abemi bendlu yakho, niya kuya ekuthinjweni;+ uye eBhabhiloni apho uya kufela khona nalapho uya kungcwatyelwa khona wena nabo bonke abakuthandayo,+ ngenxa yokuba ubaprofetele ubuxoki.’”+  Undiqhathile, Yehova, ndaza ndaqhatheka. Usebenzise amandla akho nxamnye nam, waza wandoyisa.+ Ndibe yintlekisa imini yonke; wonk’ ubani uyandigculela.+  Ndithetha ngokudanduluka. Ndimemeza ngogonyamelo nokuphangwa.+ Kuba ilizwi likaYehova laba ngunobangela wongcikivo nokugculelwa kum imini yonke.+  Ndaza ndathi: “Andisayi kumkhankanya, andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.”+ Yaye entliziyweni yam kwaba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.+ 10  Kuba ndeva ingxelo embi kwabaninzi.+ Kwakukho ukothuka macala onke. “Xelani, ukuze sibe nokuxela ngaye.”+ Wonk’ umntu ofayo othi kum “Luxolo!”—balinde ukujingxela kwam:+ “Mhlawumbi uya kuqhatheka,+ ukuze sibe nokumoyisa size siziphindezelele kuye.” 11  Kodwa uYehova wayenam+ njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo.+ Kungenxa yoko le nto bona kanye abo banditshutshisayo beya kukhubeka baze bangoyisi.+ Ngokuqinisekileyo baya kuhlaziswa, ngenxa yokuba bengayi kuphumelela. Ukuthotywa kwabo okuhlala ngokungenammiselo kuya kuba kokungayi kulibaleka.+ 12  Kodwa wena, Yehova wemikhosi, uyamhlolisisa lowo ulilungisa;+ ubona izintso nentliziyo.+ Ngamana ndingayibona impindezelo yakho phezu kwabo,+ kuba ndisityhile kuwe isimangalo sam.+ 13  Mvumeleni uYehova! Mdumiseni uYehova! Kuba uwuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.+ 14  Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo! Ngamana ungangasikeleleki umhla awandizala ngawo uma!+ 15  Mayiqalekiswe indoda eyazisa iindaba ezilungileyo kubawo, isithi: “Uzalelwe unyana, indodana!” Ngokuqinisekileyo yamenza waba nemihlali.+ 16  Yona kanye loo ndoda imele ibe njengezixeko uYehova azibhukuqileyo ngoxa Yena engazisoli.+ Kwaye imele ive isikhalo kusasa nokuhlaba umkhosi ngexesha lasemini emaqanda.+ 17  Kwakutheni na ukuze angandibulali ngokuqinisekileyo kwasesibelekweni, ukuze uma abe yindawo endingcwatyelwa kuyo size isibeleko sakhe simithe ukusa kwixesha elingenammiselo?+ 18  Kutheni na ukuze ndiphume esibelekweni+ ukuze ndibone umsebenzi onzima nentlungu+ nokuba imihla yam iphelele ekudaneni okupheleleyo?+

Umbhalo osemazantsi