Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 19:1-15

19  Utsho uYehova ukuthi: “Hamba, uze ufumane iselwa lodongwe lombumbi+ nenxalenye yamadoda amakhulu abantu nenxalenye yamadoda amakhulu ababingeleli.  Kwaye umele uphume uye entlanjeni yonyana kaHinom,+ engaseSangweni leeNkamba. Yaye apho umele ubhengeze amazwi endiya kuwathetha kuwe.+  Uze uthi ke, ‘Liveni ilizwi likaYehova, nina bokumkani bakwaYuda nani bemi baseYerusalem.+ Utsho uYehova wemikhosi,+ uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “‘“Yabonani, le ndawo ndiyizisela intlekele, eya kutsho nabani na xa eyiva, iindlebe zakhe zithi nzwi;+  ngenxa yokuba bandishiyile+ baza le ndawo bayenza ayaqondakala+ yaye baqhumisela imibingelelo kwabanye oothixo abangazange babazi,+ bona nookhokho babo nookumkani bakwaYuda; kwaye le ndawo bayizalise ngegazi labamsulwa.+  Bamakhela uBhahali iindawo eziphakamileyo ukuze batshise oonyana babo emlilweni njengomnikelo otshiswa kuphele kuBhahali,+ nto leyo endingakhange ndibayalele yona okanye ndiyithethe,+ nengakhange ithi qatha entliziyweni yam.”’+  “‘“Ngoko ke, khangela! kuza imihla,” utsho uYehova, “xa le ndawo ingasayi kuphinda ibizwe ngokuba yiTofete+ nentlambo yonyana kaHinom,+ kodwa kuthiwe yintlambo yokubulala.  Yaye ndiza kulenza liphuthe icebo lakwaYuda nelaseYerusalem kule ndawo,+ ndibenze bawe ngekrele phambi kweentshaba zabo nangesandla sabo bafuna umphefumlo wabo.+ Kwaye ndiza kunikela izidumbu zabo zibe kukutya kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu nezilo zomhlaba.+  Nesi sixeko ndiza kusenza into ekhwankqisayo nento yokubethelwa umlozi.+ Wonke owokugqibela odlulayo ngakuso uya kujonga ekhwankqisiwe aze abethe umlozi ngenxa yezibetho zaso zonke.+  Ndiza kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo; ngamnye uya kudla inyama yedlelane lakhe, ngenxa yengxinano nangenxa yengcinezelo eziya kubarhangqa ngayo iintshaba zabo kunye nabo bafuna umphefumlo wabo.”’+ 10  “Kwaye umele uliqhekeze iselwa phambi kwamehlo amadoda ahamba nawe. 11  Yaye umele uthi kuwo, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Ngendlela efanayo ndiya kusiqhekeza esi sizwana nesi sixeko njengoko ubani eqhekeza isitya sombumbi kangangokuba singaphindi sikwazi ukulungiswa;+ yaye eTofete+ baya kungcwaba kude kungabi sabakho ndawo yakungcwaba.”’+ 12  “‘Leyo yindlela endiya kwenza ngayo kule ndawo,’ utsho uYehova, ‘nakubemi bayo, ndisenze esi sixeko sibe njengeTofete.+ 13  Yaye izindlu zaseYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda ziya kuba njengendawo yaseTofete,+ zibe zezingahlambulukanga, oko kukuthi, zonke izindlu ekwathi phezu kophahla lwazo baqhumisela umbingelelo kuwo wonke umkhosi wamazulu+ kwaza kwathululwa nomnikelo othululwayo kwabanye oothixo.’”+ 14  Kwaye uYeremiya wafika evela eTofete,+ leyo uYehova wayemthumele kuyo ukuba aprofete, waza wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubo bonke abantu:+ 15  “Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi, ‘Yabonani, ndizisela esi sixeko nazo zonke izixeko zaso intlekele yonke endithethe ngayo kuso, ngenxa yokuba bayenze lukhuni intamo yabo ukuze bangawathobeli amazwi am.’”+

Umbhalo osemazantsi