Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 18:1-23

18  Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi:  “Suka, uhle uye endlwini yombumbi,+ kwaye apho ndiya kukuvisa amazwi am.”  Ndehla ke ndaya endlwini yombumbi, yaye apho wayesenza umsebenzi phezu kwamavili ombumbi.  Isitya awayesenza ngodongwe sonakaliswa sisandla sombumbi, waza wenza esinye isitya ngalo, kanye njengoko kwakukhangeleka kulungile emehlweni ombumbi ukwenjenjalo.+  Yaye ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi:  “‘Andikwazi na ukwenza kanye njengalo mbumbi kuni, ndlu kaSirayeli?’ utsho uYehova. ‘Khangela! Njengodongwe esandleni sombumbi, ninjalo esandleni sam, ndlu kaSirayeli.+  Nangawuphi na umzuzu endisenokuthetha nxamnye nohlanga nanxamnye nobukumkani ukuba ndibuncothule nokuba ndibudilize nokuba ndibutshabalalise,+  luze okunene olo hlanga lubuye ebubini balo endithethe nxamnye nabo,+ nam ndiza kuzisola ngenxa yentlekele endicinge ukuyiphumeza kulo.+  Kodwa ngawo nawuphi na umzuzu endisenokuthetha ngokuphathelele uhlanga nangokuphathelele ubukumkani ukuba ndilwakhe nokuba ndilutyale,+ 10  luze okunene lwenze okubi emehlweni am ngokungalithobeli ilizwi lam,+ ngoko ndiza kuzisola ngenxa yokulungileyo endizixelele ukuba ndikwenze ukuze kulungelwe lona.’ 11  “Ke kaloku, khawuncede, utsho kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem ukuthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Yabonani, ndiniyilela intlekele kwaye ndinicingela ingcamango.+ Khanincede, nibuye, ngamnye endleleni yakhe embi, nilungise iindlela zenu nezenzo zenu.”’”+ 12  Yaye bathi: “Akukho themba!+ Kuba siya kulandela iingcamango zethu, yaye siza kuphumeza ngamnye ubulukhuni bentliziyo yakhe embi.”+ 13  Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Khanincede, nizibuzele phakathi kweentlanga. Ngubani na ove izinto ezinjengezi? Kukho into eqhiphula umbilini intombi enyulu kaSirayeli eyenze ngokugqithiseleyo.+ 14  Liya kumka na ikhephu laseLebhanon eliweni elisendle? Okanye amanzi angaqhelekanga, apholileyo, aqukuqelayo, aya koma na? 15  Kuba abantu bam bandilibele+ ngokuthi baqhumisele umbingelelo kokungento yanto,+ nangokuthi bakhubekise abantu ezindleleni zabo,+ umendo wakudala,+ ukuze bahambe ezindleleni, endleleni engalungelelaniswanga, 16  ukuze benze ilizwe labo libe yinto yokukhwankqisa,+ yokubethelwa umlozi ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Wonke owokugqibela ukudlula apho uya kujonga ekhwankqisiwe aze ahlunguzele intloko.+ 17  Njengomoya wasempuma ndiya kubachithachitha phambi kotshaba.+ Ndiya kubabonisa umhlana, kungekhona ubuso,+ ngomhla wentlekele yabo.” 18  Yaye bathi: “Yizani, madoda, masicinge iingcamango nxamnye noYeremiya,+ kuba umthetho awuyi kutshabalala kumbingeleli+ okanye icebo kwisilumko okanye ilizwi kumprofeti.+ Yizani size simbethe ngolwimi,+ kwaye singanikeli ngqalelo kuwo nawaphi na amazwi akhe.” 19  Nikela ingqalelo kum, Yehova, uze uliphulaphule nelizwi labo bamelene nam.+ 20  Ngaba ububi bufanele bubuyekezwe ngokulungileyo?+ Kuba bawumbele umhadi umphefumlo wam.+ Khumbula ukuma kwam phambi kwakho ukuze uthethe okulungileyo ngokuphathelele bona, ukuze ubuyise umsindo wakho kubo.+ 21  Ngoko ke banikele endlaleni oonyana babo,+ yaye badlulisele emandleni ekrele;+ ngamana abafazi babo bangaba ngabafazi abahluthwe abantwana, nabahlolokazi.+ Ngamana amadoda abo angabulawa sisibetho esibulalayo, abafana babo baxatyelwe ngekrele edabini.+ 22  Makuvakale isikhalo ezindlwini zabo, xa ubazisela ngequbuliso amatutu.+ Kuba bembe umhadi ukuze bandithimbe, neenyawo zam bazifihlele izibatha.+ 23  Kodwa wena, Yehova, ulazi kakuhle lonke icebo abandenzela lona ukuze ndife.+ Musa ukusigubungela isiphoso sabo, kwaye ungasisusi isono sabo sisuke phambi kwakho; kodwa mabakhubeke phambi kwakho.+ Ngexesha lomsindo wakho thabatha inyathelo nxamnye nabo.+

Umbhalo osemazantsi