I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 17:1-27

17  “Isono sikaYuda sibhalwe phantsi ngosiba lwentsimbi.+ Sikrolwe elucwecweni lwentliziyo yabo ngetsolo ledayimani,+ nasezimpondweni zezibingelelo zabo,+  xa oonyana babo bezikhumbula izibingelelo zabo nezibonda zabo ezingcwele ecaleni komthi onabileyo, phezu kweenduli eziphakamileyo,+  ezintabeni endle. Ubuncwane bakho, bonke ubutyebi bakho, ndiya kubunikela ukuba buphangwe+—iindawo zakho eziphakamileyo ngenxa yesono kuyo yonke imimandla yakho.+  Kwaye uyaliyeka, ngokuzithandela kwakho, ilifa endakunika lona.+ Ngoko ke ndiza kukwenza ukhonze iintshaba zakho kwilizwe ongalazanga;+ kuba niye naphenjwa njengomlilo ngomsindo wam.+ Uya kuhlala uphenjiwe ukusa kwixesha elingenammiselo.”  Utsho uYehova ukuthi: “Iqalekisiwe indoda eyomeleleyo ekholosa ngomntu wasemhlabeni+ ize okunene iyenze inyama ingalo yayo,+ naleyo intliziyo yayo imkayo kuYehova.+  Ngokuqinisekileyo iya kuba njengomthi omi wodwa ethafeni eliyinkqantosi kwaye ayiyi kukubona ukufika koko kulungileyo;+ kodwa imele ihlale ezindaweni ezibharhileyo entlango, kwilizwe letyuwa elingenabemi.+  Isikelelwe indoda eyomeleleyo ekholosa ngoYehova, naleyo ithembele ngoYehova.+  Ngokuqinisekileyo iya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini, othumela iingcambu zawo ngasemfuleni; kwaye ayiyi kukubona ukufika kobushushu, kodwa okunene amahlamvu ayo aya kunaba.+ Nangonyaka wembalela+ ayiyi kuba nexhala, ingayeki nokuvelisa isiqhamo.  “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.+ Ngubani na onokuyazi? 10  Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo,+ ndizihlolisise izintso,+ ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.+ 11  Njengesakhwatsha esihlanganisele ndawonye oko singakuzalanga unjalo lowo wenza ubutyebi, kodwa kungekho ngokusesikweni.+ Uya kubushiya+ esiqingatheni semihla yakhe, kwaye ekupheleni kwakhe uya kuba ngongenangqiqo.”+ 12  Kukho itrone ezukileyo phezulu kwasekuqaleni;+ yindawo yengcwele yethu.+ 13  Owu Yehova, themba likaSirayeli,+ bonke abo bakushiyayo baya kuhlaziswa.+ Abo bawexukayo kum+ baya kubhalwa phantsi emhlabeni, ngenxa yokuba bawushiyile umthombo wamanzi aphilayo, uYehova.+ 14  Ndiphilise, Yehova, ndiphile.+ Ndisindise, ndisinde;+ kuba uyindumiso yam.+ 15  Khangela! Kukho abo bathi kum: “Liphi na ilizwi likaYehova?+ Malincede lize.” 16  Kodwa mna ke, andizange ndingxame ndimke ekubeni ngumalusi olandela wena, nemini yokuphelelwa lithemba andibonisanga kuyinqwenela. Wena uwazile amazwi emilebe yam; oku kwenzeke phambi kobuso bakho. 17  Musa ukuba yinto enkwantyisayo kum.+ Uyindawo yam yokusabela ngomhla wentlekele.+ 18  Abatshutshisi bam mabahlaziswe,+ kodwa mna ngokobuqu mandingahlaziswa.+ Mayibe ngabo abangenwa lunkwantyo, kodwa mna ngokobuqu mandingangenwa lunkwantyo. Bazisele umhla wentlekele,+ uze ubaphule ngokuwa okukhulu ngokuphindwe kabini.+ 19  Utsho uYehova kum ukuthi: “Hamba, uye kuma esangweni loonyana babantu abangena ngalo ookumkani bakwaYuda nabaphuma ngalo, nakuwo onke amasango aseYerusalem.+ 20  Uze uthi kubo, ‘Liveni ilizwi likaYehova, nina bokumkani bakwaYuda noYuda wonke nani nonke bemi baseYerusalem, eningena ngala masango.+ 21  Utsho uYehova ukuthi: “Lumkani ngenxa yemiphefumlo yenu,+ ningathwali nawuphi na umthwalo ngomhla wesabatha ukuze niwungenise ngamasango aseYerusalem.+ 22  Yaye nimele ningakhuphi mthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha; ningenzi msebenzi konke konke.+ Nimele niwungcwalise umhla wesabatha, kanye njengoko ndabayalelayo ookhokho benu;+ 23  kodwa abaphulaphula okanye bathobe indlebe yabo,+ bayenza lukhuni intamo yabo+ ukuze bangeva nokuze bangamkeli ngqeqesho.”’+ 24  “‘“Kothi ke, ukuba nithe nandithobela ngokungqongqo,”+ utsho uYehova, “ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha+ ngokungenzi nawuphi na umsebenzi ngawo,+ 25  ngokuqinisekileyo kuya kungena ngamasango esi sixeko ookumkani kunye neenkosana,+ bahlale etroneni kaDavide,+ bekhwele enqwelweni nasemahasheni, bona neenkosana zabo, amadoda akwaYuda nabemi baseYerusalem; yaye ngokuqinisekileyo esi sixeko siya kumiwa ukusa kwixesha elingenammiselo. 26  Kwaye okunene abantu baya kuza bevela ezixekweni zakwaYuda nakwezijikeleze iYerusalem nakwilizwe lakwaBhenjamin+ nasesithabazini+ nakummandla weentaba+ naseNegebhi,+ bezise umnikelo otshiswa kuphele+ nombingelelo+ nomnikelo wokudla okuziinkozo+ nentlaka yokuqhumisa,+ bezise nombingelelo wokubulela endlwini kaYehova.+ 27  “‘“Kodwa ukuba anithanga nindithobele ngokuwungcwalisa umhla wesabatha nokungathwali mthwalo,+ kodwa nangena nawo ngamasango eYerusalem ngomhla wesabatha, ndowatshisa ngomlilo amasango ayo,+ kwaye ngokuqinisekileyo uya kuziqwenga iinqaba zokuhlala zaseYerusalem+ yaye awuyi kucinywa.”’”+

Umbhalo osemazantsi