Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 12:1-17

12  Ulilungisa,+ Yehova, xa ndimangala kuwe, eneneni naxa ndithetha nawe ngomgwebo. Kutheni na iphumelele indlela yabangendawo,+ bonke abo benza ngobuqhophololo ingabo abangakhathazekanga?  Ubatyalile; bamile ingcambu. Bahambela phambili; bavelisa nesiqhamo. Ukufuphi emlonyeni wabo, kodwa ukude nezintso zabo.+  Yaye wena, Yehova, undazi kakuhle;+ uyandibona, kwaye uyigocagocile intliziyo yam ngokumanyene nawe.+ Bakhethe njengezimvu zokuxhelwa,+ uze ubabekele bucala ukulungiselela umhla wokubulawa.  Kuya kude kube nini na ilizwe libuna,+ notyani bonke basendle busoma?+ Ngenxa yobubi babo bahlala kulo izilo nezidalwa eziphaphazelayo zitshayelwe.+ Kuba bathe: “Akaliboni ikamva lethu.”  Ukuba ke ubaleke namadoda ahamba ngeenyawo, aza akudinisa, ungalubaleka njani, ngoko, ugqatso namahashe?+ Kwilizwe loxolo unentembelo na?+ Ngoko uya kwenza njani phakathi kwentshinyela ecaleni kweYordan?+  Kuba abantakwenu nendlu kayihlo bakwenzele ubuqhophololo.+ Bamemeze kakhulu emva kwakho. Musa ukukholwa kubo, ngenxa nje yokuba bethetha izinto ezilungileyo kuwe.+  “Ndiyishiyile indlu yam;+ ndililahlile ilifa lam;+ intanda yomphefumlo wam ndiyinikele entendeni yeentshaba zayo.+  Ilifa lam libe njengengonyama esehlathini kum. Lithethe lophela nxamnye nam. Kungenxa yoko le nto ndilithiyile.+  Ilifa lam+ linjengentaka edla inyama nenemibala emininzi kum; iintaka ezidla inyama zilijikelezile.+ Yizani, hlanganisanani ndawonye, nonke nina marhamncwa asendle; waziseni ukuze adle.+ 10  Abalusi abaninzi+ basonakalisile isidiliya sam;+ basinyathele isabelo sam.+ Isabelo sam esinqwenelekayo+ basiphethulele ekubeni yintlango yenkangala ephanzileyo. 11  Basenze inkangala ephanzileyo;+ sibunile; siphanzile kum.+ Ilizwe liphela liphanzisiwe, ngenxa yokuba akukho mntu ukuthabathele entliziyweni oku.+ 12  Abaphangi bafikele wonke umendo ohanjwe kakhulu entlango. Kuba ikrele likaYehova liqwenga ukususela kwesinye isiphelo selizwe ukusa kwesinye isiphelo selizwe.+ Akukho luxolo kuyo nayiphi na inyama. 13  Bahlwayele ingqolowa, kodwa bavune ameva.+ Bazigulise ngokusebenza; abayi kuba yingenelo.+ Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuba neentloni ngeemveliso zenu ngenxa yomsindo ovuthayo kaYehova.” 14  Utsho uYehova nxamnye nabo bonke abamelwane bam+ abanobubi abachukumisa ilifa endalinika abantu bam amaSirayeli ukuba balidle, ukuthi:+ “Yabona, ndiyabancothula emhlabeni wabo;+ nendlu kaYuda ndiya kuyincothula phakathi kwabo.+ 15  Kuya kuthi ke emva kokubancothula kwam ngokuqinisekileyo ndibe nenceba kwakhona kubo+ ndize ndibabuyise, ngamnye aye kwilifa lakhe, ngamnye aye elizweni lakhe.”+ 16  “Kuya kuthi ke ukuba bathe bafunda iindlela zabantu bam ekufungeni igama lam,+ besithi, ‘Ephila nje uYehova!’ kanye njengoko bafundisa abantu bam ukufunga uBhahali,+ bakhiwe phakathi kwabantu bam.+ 17  Kodwa ukuba baye abathobela, ndiya kuluncothula olo hlanga, ndiluncothule ndize ndilutshabalalise,”+ utsho uYehova.

Umbhalo osemazantsi