Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yeremiya 10:1-25

10  Liveni ilizwi uYehova alithethileyo nxamnye nani, ndlu kaSirayeli.  Utsho uYehova ukuthi: “Musani ukufunda indlela yeentlanga konke konke,+ ningankwantyiswa nayimiqondiso yasemazulwini, ngenxa yokuba iintlanga ziyankwantyiswa yiyo.+  Amasiko ezizwana+ angumphunga nje, kuba izithixo zazo zingumthi nje+ ogawulwa ehlathini, umsebenzi wezandla zengcibi ngenkxola+  Zizenza zihle ngesilivere nangegolide.+ Zizibethelela ngezikhonkwane nangezando, ukuze zingahexi.+  Zinjengonomgogwana kwintsimi yekomkomere, yaye azinakuthetha.+ Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba.+ Musa ukuzoyika, kuba azinakwenza nto iyintlekele yaye, ngaphezu koko, azinako ukwenza nakuphi na okulungileyo.”+  Akukho namnye unjengawe, Yehova.+ Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.+  Ngubani na ofanele angakoyiki,+ Kumkani weentlanga,+ kuba kukufanele oko; ngenxa yokuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwezikumkani zazo zonke akukho namnye unjengawe.+  Kwaye kwangaxeshanye zingqineka zingaqiqi yaye ziziziyatha.+ Umthi usisibongozo nje esingamampunge.+  Yisilivere ekhandwe yangamacwecwe eziswa ivela eTarshishe,+ negolide evela kwaUfazi,+ umsebenzi wengcibi nowezandla zomnyibilikisi; isinxibo sazo singumsonto oluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu. Zonke zisisenzo sabantu abangamachule.+ 10  Kodwa uYehova enyanisweni nguThixo.+ UnguTHIXO ophilayo+ noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uya kunyikima,+ kwaye akukho zintlanga ziya kuma ngaphantsi kwesiqalekiso sakhe.+ 11  Niya kutsho kubo ukuthi: “Oothixo+ abangawenzanga amazulu nomhlaba ngabo abaya kutshabalala emhlabeni naphantsi+ kwamazulu la.” 12  Yena nguMenzi womhlaba ngamandla akhe,+ Lowo umisela ngokuqinileyo ilizwe elinemveliso ngobulumko,+ naLowo wolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+ 13  Ngelizwi lakhe ukhupha ingxokozelo yamanzi emazulwini,+ yaye ubangela umphunga unyuke uvela esiphelweni somhlaba.+ Imvula uyenzele imijelo,+ kwaye uvelisa umoya koovimba bakhe.+ 14  Wonke umntu uziphethe ngokungenangqiqo engenakwazi.+ Wonke umnyibilikisi ngokuqinisekileyo uya kuziva eneentloni ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+ kuba imifanekiso yakhe etyhidiweyo ibubuxoki,+ yaye akukho moya kuyo.+ 15  Ingamampunge, iyintlekisa.+ Ngexesha lokunikelwa kwayo ingqalelo iya kutshabalala.+ 16  Lowo usiSabelo sikaYakobi+ akafani nezi zinto, kuba unguMyili wayo yonk’ into,+ kwaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+ Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+ 17  Hlanganisa emhlabeni umthwalo wakho obotshiweyo,+ wena mfazi ohleli engcinezelweni.+ 18  Kuba utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ngesi sihlandlo ndisawula abemi bomhlaba,+ kwaye ndiza kubazisela ukubandezeleka.”+ 19  Yeha ke mna ngenxa yokuwa kwam!+ Umvumbo wam uyagulisa. Yaye mna ndithe: “Ngokuqinisekileyo sisifo sam esi, kwaye ndiya kusithwala.+ 20  Intente yam iphangiwe, neentambo zentente yam zonke ziqhawulwe kubini.+ Oonyana bam bemkile kum, abasekho.+ Akusekho bani utwabulula intente yam okanye omisa amalaphu entente yam. 21  Kuba abalusi baziphethe ngokungenangqiqo,+ kwaye abamfunanga uYehova.+ Kungenxa yoko le nto bengenzanga ngengqiqo, yaye zonke izilwanyana zabo ezisemadlelweni zichithachithekile.”+ 22  Phulaphula! Ingxelo! Nantso ifikile, kwanesandi esikhulu sentshukumo evela kwilizwe lasemntla,+ ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zibe yinkangala ephanzileyo, isikhundla soodyakalashe.+ 23  Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.+ 24  Noko ke, ndilungise, Yehova, ngomgwebo;+ kungekhona ngomsindo wakho,+ ukuze ungandinciphisi ndingabi nto yanto.+ 25  Phalaza umsindo wakho ezintlangeni+ eziye azakunanza,+ nakwiintsapho ezingabizanga egameni lakho.+ Kuba zimdle zamgqiba uYakobi.+ Ewe, zimdle zamgqiba, kwaye zimtshabalalisile;+ nendawo yakhe yokuhlala ziyiphanzisile.+

Umbhalo osemazantsi