Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yak 4:1-17

4  Zibangelwa yintoni na iimfazwe neengxabano phakathi kwenu? Azibangelwa+ yinkanuko yenu yenyama na, ephikisanayo namalungu enu?+  Niyanqwenela, kodwa ningazuzi nto. Niyabulala,+ nikhanuke,+ kodwa ningafumani nto. Niyalwa,+ nenze imfazwe. Anizuzi nto ngenxa yokuba ningaceli.  Nokuba senide nacela, anamkeli, ngenxa yokuba nicela ngenjongo embi,+ nifuna nje ukufezekisa iinkanuko zenu zenyama.+  Bakrexezikazindini,+ anazi na ukuba ubuhlobo kunye nehlabathi bubutshaba kunye noThixo?+ Nabani na, ke ngoko, ofuna ukuba ngumhlobo+ wehlabathi uzenza utshaba lukaThixo.+  Okanye ngaba nicinga ukuba isibhalo sifane nje satsho ukuthi: “Umoya+ ohleli ngaphakathi kwethu uyaqhubeka ukhweleta”?  Noko ke, ububele obungasifanelanga abunikelayo bukhulu ngakumbi.+ Sitsho nesibhalo ukuthi: “UThixo ubachasile abanekratshi,+ kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.”+  Zithobeni,+ ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi,+ wonibaleka.+    Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.+ Hlambululani izandla zenu, nina boni,+ nisulungekise iintliziyo zenu,+ nina bangenazigqibo.+  Yibani lusizi, nizile, nilile.+ Ukuhleka kwenu makujikwe kube kukuzila, novuyo lwenu lube kukudakumba.+ 10  Zithobeni emehlweni kaYehova,+ yaye uya kuniphakamisa.+ 11  Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana.+ Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe+ umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho yaye ugweba umthetho. Ke ukuba ugweba umthetho, akunguye umenzi womthetho, kodwa ungumgwebi.+ 12  Kukho mnye ongumniki-mthetho nomgwebi,+ lowo ukwaziyo ukusindisa nokutshabalalisa.+ Ungubani na ke wena ukuba ugwebe ummelwane wakho?+ 13  Yizani kaloku, nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siza kuya kwisixeko esithile, sihlale unyaka wonke, size sishishine sizuze ingeniso,”+ 14  kanti anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.+ Kuba nifana nje nenkungu ebonakala okwethutyana ize ithi shwaka.+ 15  Kunoko, nifanele nithi: “Ukuba uYehova uyathanda,+ siza kuphila senze oku nokuya.”+ 16  Kodwa ngoku niqhayisa ngokuzigwagwisa kwenu ngokuzidla.+ Konke ukuqhayisa okunjalo kungendawo. 17  Ngoko ke, ukuba ubani uyakwazi ukwenza okulungileyo kodwa angakwenzi,+ kusisono+ oko kuye.

Umbhalo osemazantsi