I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Tito 2:1-15

2  Noko ke, wena, qhubeka uthetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo.+  Amadoda awalupheleyo+ makabe ngcathu ngokwemikhwa, andileke,+ abe ngaphilileyo engqondweni, aphile elukholweni,+ eluthandweni, ekunyamezeleni.+  Ngokunjalo abafazi abalupheleyo+ mabaziphathe ngokuhlonel’ uThixo, banganyelisi,+ bangakhotyokiswa yiwayini eninzi, mabafundise oko kulungileyo;  ukuze babuyisele abafazana ezingqondweni ukuba bathande amadoda abo,+ bathande nabantwana babo,+  babe ngabaphilileyo engqondweni, babe nyulu,+ bakhuthale emizini yabo, babe ngabalungileyo, bazithobe+ kumadoda abo, ukuze ilizwi likaThixo lingatshabhiswa.+  Ngokunjalo qhubeka uwabongoza amadodana ukuba abe ngaphilileyo engqondweni,+  kwizinto zonke uzibonisa ungumzekelo wemisebenzi emihle;+ ubonisa ukungabi nakonakala+ kwimfundiso yakho,+ ungondilekileyo,  ontetho iphilisayo engenakubekwa bala;+ ukuze adane ochasayo, engenanto imbi anokuyitsho ngathi.+  Amakhoboka+ makabathobele abanini bawo ezintweni zonke,+ yaye abakholise kakuhle, angaphendulani nabo,+ 10  angebi,+ kodwa abonise ukunyaniseka okulungileyo ngokupheleleyo,+ khon’ ukuze ayihombise imfundiso yoMsindisi wethu,+ uThixo, ezintweni zonke. 11  Kuba ububele obungasifanelanga+ bukaThixo obuzisa usindiso+ kuzo zonke iintlobo zabantu+ buye babonakaliswa,+ 12  busiyalela ukuba sizilumle kuko ukungabi nabuthixo+ nakwiminqweno yehlabathi+ size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo+ phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku,+ 13  ngoxa silinde ithemba elonwabisayo+ nembonakaliso ezukileyo+ yoThixo omkhulu neyoMsindisi wethu, uKristu Yesu, 14  owazinikela+ ngenxa yethu ukuze asihlangule+ kulo lonke uhlobo lokuchasa umthetho aze azihlambululele+ isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo,+ esizondelela imisebenzi emihle.+ 15  Qhubeka uzithetha ezi zinto yaye ubongoza kwaye usohlwaya ngegunya elipheleleyo lokuyalela.+ Makungakhe kubekho mntu ukudelayo.+

Umbhalo osemazantsi