I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Roma 5:1-21

5  Ngoko ke, ekubeni ngoku sivakaliswe singamalungisa ngenxa yokholo,+ masinandiphe uxolo+ noThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu,  esithe ngaye sazuza+ ububele obungasifanelanga ngokholo; yaye masigcobe, ngokusekelwe kwithemba+ lozuko lukaThixo.  Makungapheleli nje apho, kodwa masigcobe ngoxa sisezimbandezelweni,+ ekubeni sisazi ukuba imbandezelo ivelisa unyamezelo;+  unyamezelo luvelisa ukukholeka;+ ukukholeka kuvelisa ithemba,+  kwaye ithemba alidanisi;+ ngenxa yokuba uthando lukaThixo+ luye lwathululelwa ezintliziyweni zethu+ ngomoya oyingcwele,+ esawunikwayo.  Kuba, eneneni, uKristu, wathi ngoxa sasisebuthathaka,+ wabafela abantu abangenabuthixo ngexesha elimiselweyo.+  Kuba kungangenkankulu ukuba nabani na afele umntu olilungisa;+ eneneni, mhlawumbi, uthile angaba nobuganga bokumfela+ umntu olungileyo.+  Kodwa uThixo ubonakalisa uthando lwakhe+ kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.+  Ke ngoko, ekubeni sivakaliswe singamalungisa ngegazi lakhe,+ siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.+ 10  Kuba ukuba, xa sasiziintshaba,+ saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe,+ kobeka phi na ke ngoku ukusindiswa ngobomi bakhe,+ ekubeni sixolelanisiwe. 11  Yaye akuphelelanga apho, kodwa siyagcoba kuThixo ngeNkosi yethu uYesu Kristu, lowo ngoku esithe ngaye safumana uxolelaniso.+ 12  Ngenxa yoko, kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye+ ehlabathini nokufa+ ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo+—. 13  Kuba de kwabakho uMthetho isono saye sikho ehlabathini, kodwa isono asibalelwa kuye nabani na xa kungekho mthetho.+ 14  Noko ke, ukufa kwalawula njengokumkani ukususela kuAdam de kwasa kuMoses,+ nakwabo basono singafani nesika-Adam,+ oyintsobi yalowo wayeza kuza.+ 15  Kodwa sona isipho asibanga njengesigqitho. Kuba ukuba ngesigqitho somntu omnye kufe abaninzi, ububele obungasifanelanga bukaThixo nesipho sakhe sesisa ngabo ububele obungasifanelanga ngomntu omnye+ uYesu Kristu baphuphuma kakhulu ngakumbi kwabaninzi.+ 16  Kanjalo, isipho sesisa+ asibanga njengoko kwakunjalo ngomntu omnye owonayo.+ Kuba umgwebo+ ngenxa yesigqitho esinye waphumela kumgwebo wesohlwayo,+ kodwa isipho ngenxa yezigqitho ezininzi saphumela kuvakaliso lobulungisa.+ 17  Kuba ukuba ngesigqitho somntu omnye+ ukufa kwalawula njengokumkani,+ kokukhona baya kuthi abo bafumana ububele obungasifanelanga obuninzi+ nesipho sesisa+ sobulungisa balawule njengookumkani+ ebomini ngamntu mnye, uYesu Kristu.+ 18  Ngoko ke, njengokuba ngesigqitho esinye umphumo kubantu bazo zonke iintlobo waba ngumgwebo wesohlwayo,+ ngokunjalo kwanangesenzo esinye sothethelelo+ umphumo kubantu bazo zonke iintlobo+ ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi.+ 19  Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye abaninzi+ benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo+ yomntu omnye abaninzi+ baya kwenziwa amalungisa.+ 20  Ke kaloku uMthetho+ uye nawo wangenelela ukuze isigqitho sande.+ Kodwa sithe sakwanda isono,+ baphuphuma kwanangakumbi ububele obungasifanelanga.+ 21  Ukuze kuthini? Ukuze, kanye njengokuba isono salawula njengokumkani ngokufa,+ ngokunjalo nabo ububele obungasifanelanga+ bulawule njengokumkani ngobulungisa ngokubhekisele kubomi obungunaphakade+ ngoYesu Kristu iNkosi yethu.

Umbhalo osemazantsi