I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Roma 13:1-14

13  Yonke imiphefumlo mayiwathobele+ amagunya awongamileyo,+ kuba akukho gunya+ libekho ngaphandle kukaThixo;+ amagunya akhoyo abekwe nguThixo+ kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.+  Ngoko ke lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo; abo banxamnye nalo baya kufumana umgwebo.+  Kuba abo balawulayo bafanele boyikwe, kungekhona ngenxa yesenzo esilungileyo, kodwa ngenxa yesibi.+ Ngaba, ke ngoko, akufuni na ukuloyika igunya? Hlala usenza okulungileyo,+ yaye liya kukudumisa;  kuba lingumlungiseleli kaThixo kuwe ukuze kulungelwe wena.+ Kodwa ukuba wenza okubi,+ yoyika: kuba aliliphathanga ngaphandle kwenjongo ikrele; kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli+ wokubonakalisa ingqumbo kulowo uqhelisela okubi.  Ngoko ke kukho isizathu esinyanzelisayo sokuba nithobele, kungekuphela ngenxa yengqumbo leyo kodwa kwanangenxa yesazela senu.+  Kuba kungenxa yoko le nto nikwahlawula iirhafu; kuba asisicaka sikawonke-wonke sikaThixo+ ekhonza rhoqo ngenxa yale njongo.  Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu;+ lowo kufuneka unikelo kuye, mnikeni unikelo; lowo kufuneka uloyiko kuye, mnikeni uloyiko olo;+ lowo kufuneka imbeko kuye, mnikeni imbeko leyo.+  Musani ukuba natyala lanto nakubani na,+ ngaphandle kwelokuthandana;+ kuba lowo ulithandayo idlelane lakhe uwuzalisekisile umthetho.+  Kuba uluhlu lwemithetho oluthi, “Uze ungakrexezi,+ Uze ungabulali,+ Uze ungebi,+ Uze ungakhanuki,”+ nawo nawuphi na omnye umyalelo okhoyo, ushwankathelwa ngeli lizwi, lokuba, “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.”+ 10  Uthando+ alusebenzi bubi kummelwane kabani;+ ngoko ke uthando lukukuzaliseka komthetho.+ 11  Kwenzeni oku, kwanangenxa yokuba nilazi ixesha, okokuba sele kulilixa lokuba nivuke+ ebuthongweni, kuba ngoku usindiso lwethu lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo.+ 12  Ubusuku buhambile; imini+ isondele. Ngoko ke masiyikhulule imisebenzi yobumnyama+ yaye masambathe izixhobo+ zokukhanya. 13  Njengakwixesha lasemini masihambe ngokundilisekileyo,+ kungekhona kwiziyunguma nasezindywaleni,+ kungekhona kwiintlobano zesini ezingavumelekanga nakwihambo evakalala,+ kungekhona kwimbambano+ nekhwele. 14  Kodwa yambathani iNkosi uYesu Kristu,+ yaye musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.+

Umbhalo osemazantsi