I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Roma 10:1-21

10  Bazalwana, umnqweno okholekileyo wentliziyo yam nesikhungo sam ngabo kuThixo, eneneni, kukuba basindiswe.+  Kuba ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo+ kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo;+  kuba, ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo+ kodwa befuna ukuzimisela obabo,+ abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo.+  Kuba uKristu ukukuphela koMthetho,+ ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo abe nobulungisa.+  Kuba uMoses ubhala athi umntu oye wabenza ubulungisa boMthetho uya kuphila ngabo.+  Kodwa ubulungisa obuphuma elukholweni buthetha ngale ndlela: “Musa ukuthi entliziyweni yakho,+ ‘Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?’+ oko kukuthi, ukuze ahlise uKristu;+  okanye, ‘Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?’+ oko kukuthi, ukuze anyuse uKristu kwabafileyo.”+  Kodwa buthini na ke? “Ilizwi likufuphi kuni, emlonyeni wenu nasentliziyweni yenu”;+ oko kukuthi, “ilizwi”+ lokholo, esilishumayelayo.+  Kuba ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’+ lokuba uYesu uyiNkosi,+ uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo,+ uya kusindiswa.+ 10  Ngentliziyo+ ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni+ losindiso. 11  ISibhalo sithi: “Akukho namnye ukholwayo+ kuye uya kudaniswa.”+ 12  Akukho lucalucalulo phakathi komYuda nomGrike,+ kuba kukho iNkosi enye kubo bonke, esisityebi+ kubo bonke abo babiza kuyo. 13  “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”+ 14  Noko ke, baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye?+ Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?+ 15  Baya kushumayela njani na bengathunywanga?+ Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!”+ 16  Noko ke, abazithobelanga bonke iindaba ezilungileyo.+ Kuba uIsaya uthi: “Yehova, ngoobani na abakholwayo koko bakuvileyo kuthi?”+ 17  Ngoko ukholo lulandela oko kuviweyo.+ Oko kuviweyo kungelizwi elingoKristu.+ 18  Noko ke ndiyabuza, Abazange basilele ukuva, andibi kunjalo? Kaloku, enyanisweni, “intlokoma yabo yaphuma yaya kuwo wonke umhlaba,+ namazwi abo aya kwiziphelo zomhlaba omiweyo.”+ 19  Noko ke ndiyabuza, uSirayeli akazange asilele ukwazi, andibi kunjalo?+ Kuqala uMoses uthi: “Ndiya kunenza nibe nekhwele ngako oko kungelohlanga; ndiya kunenza nibe nomsindo omkhulu ngohlanga olunobuyatha.”+ 20  Kodwa uIsaya ukhalipha kakhulu aze athi: “Ndafunyanwa ngabo babengafuni mna;+ ndabonakala kwabo babengabuzisi ngam.”+ 21  Kodwa ngokuphathelele uSirayeli uthi: “Imini yonke izandla zam ndizolulele kwisizwana esingathobeliyo+ nesiphendulana nam.”+

Umbhalo osemazantsi