I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 6:1-27

6  Waza wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, esithi:  “Thetha koonyana bakaSirayeli uthi kubo, ‘Ukuba ibhinqa okanye indoda yenza isibhambathiso esikhethekileyo sokuphila njengomNaziri+ kuYehova,  ifanele izahlule ewayinini nakwisiselo esinxilisayo. Ifanele ingaseli viniga yawayini naviniga yasiselo sinxilisayo,+ ingaseli nayiphi na incindi yeediliya, ingadli zidiliya zimanzi okanye zomisiweyo.  Yonke imihla yobuNaziri bayo ifanele ingadli nantoni na eyenziwe ngomdiliya, ukususela kwiidiliya ezikrwada kuse emaxolweni.  “‘Yonke imihla yesibhambathiso sobuNaziri bayo makungadluli ncakuba entlokweni yayo;+ ifanele ingqineke ingcwele ngokuthi iluyeke lukhule uphothe+ lweenwele zentloko yayo, ide izaliseke imihla yokuzahlulela kwayo kuYehova.  Yonke imihla yokuzahlulela kwayo kuYehova ize ingasondeli kuwo nawuphi na umphefumlo ofileyo.+  Ize ingazenzi inqambi kwanangoyise okanye unina okanye umntakwabo okanye udade wabo ekufeni kwabo,+ ngokuba umqondiso wobuNaziri bayo kuThixo wayo uphezu kwentloko yayo.  “‘Yoba ngcwele kuYehova ngayo yonke imihla yobuNaziri bayo.  Kodwa ukuba ubani ofayo uthe wafa ngequbuliso esecaleni kwayo+ yaza yayenza inqambi intloko yobuNaziri bayo, imele ke ngoko iyichebe+ intloko yayo ngomhla wokumisela ukusulungekiswa kwayo. Yoyicheba ngomhla wesixhenxe. 10  Yaye ngomhla wesibhozo ifanele izise amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amavukuthu kumbingeleli esangweni lentente yokuhlangana.+ 11  Umbingeleli wolenza elinye libe ngumnikelo wesono+ lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo+ aze ayicamagushele, ekubeni yonile ngenxa yomphefumlo ofileyo. Uya kwandula ke ayingcwalise intloko yayo ngaloo mhla. 12  Yaye imele iphile njengomNaziri+ kuYehova ngemihla yobuNaziri bayo, izise itakane legusha eliyinkunzi elikunyaka walo wokuqala libe ngumnikelo wetyala;+ ke imihla yangaphambili ize ingabalwa ngokuba ibenze inqambi ubuNaziri bayo. 13  “‘Nguwo lo umthetho ngokuphathelele umNaziri: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yobuNaziri bakhe,+ uya kuziswa esangweni lentente yokuhlangana. 14  Yaye umele asondeze umnikelo wakhe kuYehova wetakane elinye legusha eliyinkunzi eliphilileyo elikunyaka walo wokuqala libe ngumnikelo otshiswayo+ nethokazi lemvu elinye eliphilileyo elikunyaka walo wokuqala libe ngumnikelo wesono+ nenkunzi yegusha enye ephilileyo ibe ngumbingelelo wobudlelane,+ 15  nengobozi yamaqebengwana abusazinge angenagwele omgubo ocolekileyo,+ ugalelwe ioli,+ nezonka ezisicaba ezingenagwele ziqatywe ngeoli,+ neminikelo yawo yokudla okuziinkozo+ neminikelo yawo ethululwayo.+ 16  Woyisondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze umnikelo wakhe wesono nomnikelo wakhe otshiswayo.+ 17  Ngenkunzi yegusha uya kwenza umbingelelo wobudlelane+ kuYehova nangengobozi yamaqebengwana angenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wayo wokudla okuziinkozo+ nomnikelo wayo othululwayo. 18  “‘Wothi ke umNaziri ayichebe+ intloko yobuNaziri bakhe esangweni lentente yokuhlangana, azithabathe iinwele zentloko yobuNaziri bakhe azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo wobudlelane. 19  Umele ke ngoko umbingeleli athabathe umkhono obilisiweyo+ wenkunzi yegusha neqebengwana elibusazinge elingenagwele libe linye engobozini, nesonka esisicaba esingenagwele+ sibe sinye, azibeke kwiintende zomNaziri emva kokuwucheba kwakhe umqondiso wobuNaziri bakhe. 20  Yaye umele azitshangatshangise umbingeleli zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova.+ Zingcwele zona kumbingeleli, kunye nencum+ yomnikelo otshangatshangiswayo kunye nomlenze womnikelo.+ Emva koko umNaziri angayisela iwayini.+ 21  “‘Nguwo lowo umthetho ophathelele umNaziri+ owenza isibhambathiso—umnikelo wakhe kuYehova ngobuNaziri bakhe, ngaphandle kokunye asenokuba namandla okukufikelela. Ngokwesibhambathiso sakhe asenokuba usenzile, ufanele enjenjalo ngenxa yomthetho wobuNaziri bakhe.’” 22  Wathetha uYehova kuMoses, esithi: 23  “Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, ‘Nize nenjenje ukubasikelela+ oonyana bakaSirayeli, nithi kubo: 24  “Ngamana uYehova angakusikelela+ aze akugcine.+ 25  Ngamana uYehova angabukhanyisa ubuso bakhe kuwe,+ yaye ngamana angakholiswa nguwe.+ 26  Ngamana uYehova angabuphakamisela ubuso bakhe kuwe+ aze akunike uxolo.”’+ 27  Yaye bamele balibeke igama lam+ phezu koonyana bakaSirayeli, ukuze ndibasikelele.”+

Umbhalo osemazantsi