I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 4:1-49

4  Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi:  “Baza kubalwa oonyana bakaKohati+ phakathi koonyana bakaLevi, ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zooyise,  ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala+ ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka ubudala,+ bonke abeqela labakhonzi+ elisebenza ententeni yokuhlangana.  “Yiyo le inkonzo yoonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana.+ Iyeyona nto ingcwele:  Ekumkeni kwenkampu bamele bangene uAron noonyana bakhe, balithule ikhuselo lomkhusane+ baze bayigubungele ngalo ityeya+ yesingqino.  Bamele babeke isigqubuthelo sezikhumba zeentini+ phezu kwalo baze batwabulule ngaphezulu ilaphu eliluhlaza liphela, bafake nezibonda zaso.+  “Bothi ke batwabulule ilaphu eliluhlaza phezu kwetafile+ yezonka zokubonisa, babeke phezu kwayo izitya+ neendebe nemiphanda+ yomnikelo othululwayo; nesonka esihlala rhoqo+ phezu kwayo masingasuswa.  Bamele batwabulule phezu kwayo ilaphu elimfusa,+ baligubungele ngesigqubuthelo sezikhumba zeentini+ baze bafake nezibonda zaso.+  Bamele bathabathe nelaphu eliluhlaza, bagubungele isiphatho sezibane zokukhanyisa+ nezibane zaso+ nezifinyiso zaso+ neengcedevu zaso+ nazo zonke izitya+ zeoli zaso abasilungiselela ngazo rhoqo. 10  Bamele basibeke sona kunye neempahla zaso zonke esigqubuthelweni sezikhumba zeentini,+ basibeke phezu kwesibonda. 11  Baya kwandula ke batwabulule phezu kwesibingelelo segolide+ ilaphu eliluhlaza, basigubungele ngesigqubuthelo sezikhumba zeentini+ baze bafake nezibonda zaso.+ 12  Bothabatha zonke iimpahla+ zokulungiselela abalungiselela ngazo rhoqo endaweni engcwele, bazibeke elaphini eliluhlaza, bazigubungele ngesigqubuthelo sezikhumba zeentini+ baze bazibeke phezu kwesibonda. 13  “Bamele balususe esibingelelweni+ uthuthu lwezinto ezityetyisiweyo baze batwabulule phezu kwaso ilaphu loboya obudaywe bamfusa bubomvu. 14  Yaye bamele bazibeke phezu kwalo zonke iimpahla zaso abalungiselela ngazo rhoqo kuso, iingcedevu zaso, iifolokhwe nemihlakulo nezitya, zonke iimpahla zesibingelelo;+ yaye bamele batwabulule phezu kwaso isigqubuthelo sezikhumba zeentini baze bafake nezibonda zaso.+ 15  “Bamele bagqibe uAron noonyana bakhe ukuyigubungela indawo engcwele+ neempahla+ zonke zendawo engcwele ekumkeni kwenkampu, baya kuthi ke emva koko bangene oonyana bakaKohati ukuze bazithwale,+ kodwa bamele bangayichukumisi+ indawo engcwele ukuze bangafi. Ezi zinto zingumthwalo woonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana.+ 16  “Imbopheleleko+ kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli kukuvelela ioli+ yesikhanyiso nesiqhumiso sobulawu+ nomnikelo othe rhoqo wokudla okuziinkozo+ neoli yokuthambisa,+ nokuvelela wonke umnquba nako konke okukuwo, oko kukuthi, indawo engcwele neempahla zayo.” 17  Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses nakuAron, esithi: 18  “Maze singanqunyulwa isizwe seentsapho zamaKohati+ phakathi kwabaLevi. 19  Yenzani oku kubo ukuze bahlale bephila, bangafi ngenxa yokusondela kwezona zinto zingcwele.+ Kuya kungena uAron noonyana bakhe, bababele ngamnye enkonzweni yakhe nasemthwalweni wakhe. 20  Ekungeneni kwabo abamele bakhangele ezintweni ezingcwele nomzuzwana lo, ukuze bangafi.”+ 21  Wandula wathetha uYehova kuMoses, esithi: 22  “Baza kubalwa nabo oonyana bakaGershon,+ ngokwezindlu zooyise nangokweentsapho zabo. 23  Uze ubabhalise ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka,+ bonke abeqela labakhonzi elisebenza ententeni yokuhlangana. 24  Yiyo le inkonzo yeentsapho zamaGershon ngokuphathelele ukukhonza nokuthwala.+ 25  Bamele bathwale amalaphu entente+ yomnquba nentente yokuhlangana,+ isigqubuthelo sayo+ nesigqubuthelo sezikhumba zeentini+ esiphezu kwaso, nomkhusane+ wesango lentente yokuhlangana, 26  namawunduwundu+ entendelezo nomkhusane wesango+ lentendelezo ojikeleze umnquba nesibingelelo, neentambo zawo zentente neempahla zonke zenkonzo yabo, nezinto zonke abasebenza ngazo rhoqo. Yiyo ke leyo inkonzo yabo. 27  Yoba ngokomyalelo ka-Aron noonyana bakhe+ yonke inkonzo yoonyana bamaGershon+ ngokuphathelele yonke imithwalo yabo nayo yonke inkonzo yabo, yaye nimele nibabele yonke imithwalo yabo njengembopheleleko yabo. 28  Yiyo leyo inkonzo yeentsapho zoonyana bamaGershon+ ententeni yokuhlangana, yaye imbopheleleko yabo yoba sesandleni sikaItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli. 29  “Ke bona oonyana bakaMerari,+ wobabhalisa ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zooyise. 30  Uze ubabhalise ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka, bonke abeqela labakhonzi elisebenza ententeni yokuhlangana.+ 31  Yiyo le imbopheleleko yabo, umthwalo wabo,+ ngokuphathelele yonke inkonzo yabo ententeni yokuhlangana: amanqwanqwa amaplanga+ omnquba nezibonda zawo+ neentsika zawo+ neziseko zawo,+ 32  neentsika+ ezijikeleze intendelezo neziseko zazo+ nezikhonkwane zayo zentente+ neentambo zayo zentente ndawonye nezixhobo zabo zonke nenkonzo yabo yonke. Yaye niya kubabela ngokwamagama azo izixhobo abanembopheleleko yazo, zibe ngumthwalo wabo.+ 33  Yiyo leyo inkonzo yeentsapho zoonyana bakaMerari+ ngokwenkonzo yabo yonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare unyana ka-Aron umbingeleli.”+ 34  Bababhalisa ke uMoses noAron nezikhulu+ zendibano oonyana bamaKohati+ ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zooyise, 35  besusela kwabanamashumi amathathu+ eminyaka ubudala ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka,+ bonke abeqela labakhonzi elisebenza ententeni yokuhlangana.+ 36  Ababhaliswayo kubo ngokweentsapho zabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe anamashumi mahlanu.+ 37  Ngabo abo ababhaliswayo+ kwiintsapho zamaKohati, bonke abo basebenza ententeni yokuhlangana, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo kaYehova ngoMoses. 38  Ababhaliswayo koonyana bakaGershon+ ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zooyise, 39  ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka, bonke abeqela labakhonzi elisebenza ententeni yokuhlangana,+ 40  ababhaliswayo kubo ngokweentsapho zabo, ngokwezindlu zooyise, baba ngamawaka amabini anamakhulu mathandathu anamashumi mathathu.+ 41  Ngabo abo ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaGershon, bonke abo basebenza ententeni yokuhlangana, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo kaYehova.+ 42  Ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaMerari ngokweentsapho zabo, ngokwezindlu zooyise, 43  ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka ubudala, bonke abeqela labakhonzi elisebenza ententeni yokuhlangana,+ 44  ababhaliswayo kubo ngokweentsapho zabo baba ngamawaka amathathu anamakhulu mabini.+ 45  Ngabo abo ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaMerari, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo kaYehova ngoMoses.+ 46  Bonke awababhalisayo uMoses noAron nezikhulu zakwaSirayeli kubaLevi ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zooyise, 47  ukususela kwabanamashumi amathathu eminyaka ubudala+ ukusa kwabanamashumi amahlanu eminyaka ubudala, bonke abaphumeza inkonzo enzima nenkonzo yokuthwala imithwalo ententeni yokuhlangana,+ 48  ababhaliswayo kubo baba ngamawaka asibhozo anamakhulu mahlanu anamashumi asibhozo.+ 49  Babhaliswa ngokomyalelo kaYehova ngoMoses, ngamnye ngokwenkonzo yakhe nangokomthwalo wakhe; yaye babhaliswa kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses.+

Umbhalo osemazantsi