I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 34:1-29

34  Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, esithi:  “Bayalele oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, ‘Ningena ezweni laseKanan.+ Lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni njengelifa,+ ilizwe laseKanan ngokwemida yalo.+  “‘Icala lenu lasezantsi limele lisusele entlango yaseTsin ecaleni kwe-Edom,+ nomda wenu wasezantsi umele ususele esiphelweni soLwandle lweTyuwa+ ngasempuma.  Yaye umda wenu umele ujike ukusuka emazantsi eqhina laseAkrabhim+ uwelele eTsin, uye kuphelela emazantsi eKadeshe-bharneya;+ uphume uye eHatsare-adare+ uze udlulele eAzemon.  Yaye umda lowo umele ujike eAzemon uye entlanjeni yaseYiputa,+ uze uphelele eLwandle.+  “‘Umda wenu wasentshona,+ woba luLwandle Olukhulu nonxweme lwalo. Ngumda wenu wasentshona ke lowo.  “‘Nguwo lo umda wenu wasentla: Nozisikela umda wenu ukusuka kuLwandle Olukhulu kuse eNtabeni yeHore.+  Niwusike umda lowo nokusuka eNtabeni yeHore ukusa ekungeneni eHamati,+ yaye umele loo mda uphelele eTsedadi.+  Kwaye umele uphume umda lowo uye eZifron, uze uphelele eHatsare-enan.+ Ngumda wenu wasentla ke lowo. 10  “‘Nozisikela umda wasempuma ukusuka eHatsare-enan kuse eShefam. 11  Ukusuka eShefam umele umda lowo wehlele eRibhela ngakwimpuma yeAyin, uhle utyhutyhumeze kumathambeka akwimpuma yolwandle lwaseKinereti.+ 12  Umele wenjenjeya umda lowo ukwehlela eYordan, uphelele kuLwandle lweTyuwa.+ Yoba lilizwe lenu+ ke elo ngokwemida yalo macala onke.’” 13  Ngoko uMoses wabayalela oonyana bakaSirayeli, esithi: “Lilo elo ilizwe eniya kwabelana ngalo ngeqashiso,+ kanye njengoko eyalele uYehova ukuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha.+ 14  Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise nesiqingatha sesizwe sakwaManase, sele zilithabathile elazo ilifa.+ 15  Ezi zizwe zibini ezinesiqingatha sele zilithabathile ilifa lazo ukususela kummandla weYordan ngaseYeriko empuma kuse empumalanga.”+ 16  Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, esithi: 17  “Ngawo la amagama amadoda aya kunahlulela ilizwe njengelifa, nguEleyazare+ umbingeleli noYoshuwa unyana kaNun.+ 18  Nothabatha isikhulu sibe sinye esizweni ngasinye ekulahluleni kwenu ilizwe njengelifa.+ 19  Ngawo la amagama amadoda lawo: Esizweni sakwaYuda,+ nguKalebhi unyana kaYefune;+ 20  esizweni soonyana bakaSimeyon,+ nguShemuweli unyana ka-Amihudi; 21  esizweni sakwaBhenjamin,+ nguElidadi unyana kaKislon; 22  esizweni soonyana bakaDan,+ sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli; 23  koonyana bakaYosefu,+ esizweni soonyana bakaManase,+ sisikhulu esinguHaniyeli unyana kaEfodi; 24  esizweni soonyana bakaEfrayim,+ sisikhulu esinguKemuweli unyana kaShifetan; 25  esizweni soonyana bakaZebhulon,+ sisikhulu esinguElitsafan unyana kaParnaki; 26  esizweni soonyana bakaIsakare,+ sisikhulu esinguPaltiyeli unyana ka-Azan; 27  esizweni soonyana baka-Ashere,+ sisikhulu esinguAhihudi unyana kaShelomi; 28  esizweni soonyana bakaNafetali,+ sisikhulu esinguPedaheli unyana ka-Amihudi.” 29  Ngabo abo uYehova awayalela ukuba benze oonyana bakaSirayeli babe ngabanini-mhlaba ezweni laseKanan.+

Umbhalo osemazantsi