I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 33:1-56

33  Ngawo la amabanga oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni laseYiputa+ ngokwemikhosi+ yabo ngesandla sikaMoses noAron.+  UMoses wakubhala ukumka kwabo ngokwamabanga abo ngokomyalelo kaYehova; yaye ngawo la amabanga okumka kwabo ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye:+  Banduluka eRameses+ ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala.+ Ngengomso emva kwepasika+ baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo phambi kwamehlo amaYiputa onke.+  AmaYiputa wona ayengcwaba abo wabaxabelayo uYehova phakathi kwawo, oko kukuthi, onke amazibulo;+ nezithixo zawo uYehova wazigweba.+  Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses+ bamisa iinkampu eSukoti.+  Banduluka eSukoti bamisa iinkampu e-Etham,+ esesiphelweni sentlango.  Banduluka e-Etham babuyela ngasePihahiroti,+ emelene neBhahali-tsefon;+ bamisa iinkampu phambi kweMigdoli.+  Emva koko banduluka ePihahiroti badlula phakathi elwandle+ baya entlango+ baza bahamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango yase-Etham,+ bamisa iinkampu eMara.+  Banduluka eMara bafika e-Elim.+ Kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinesibini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe. Ngoko bamisa khona iinkampu. 10  Banduluka e-Elim bamisa iinkampu ngakuLwandle Olubomvu. 11  Emva koko banduluka kuLwandle Olubomvu bamisa iinkampu entlango yaseSin.+ 12  Banduluka entlango yaseSin bamisa iinkampu eDofeka. 13  Kamva banduluka eDofeka bamisa iinkampu eAlushe. 14  Banduluka eAlushe bamisa iinkampu eRefidim.+ Kwaye kungekho manzi apho okuba basele abantu. 15  Emva koko banduluka eRefidim bamisa iinkampu entlango yaseSinayi.+ 16  Kamva banduluka entlango yaseSinayi bamisa iinkampu eKibroti-hatava.+ 17  Banduluka eKibroti-hatava bamisa iinkampu eHatseroti.+ 18  Emva koko banduluka eHatseroti bamisa iinkampu eRitema. 19  Banduluka eRitema bamisa iinkampu eRimon-peretse. 20  Banduluka eRimon-peretse bamisa iinkampu eLibhena. 21  Kamva banduluka eLibhena bamisa iinkampu eRisa. 22  Banduluka eRisa bamisa iinkampu eKehelata. 23  Banduluka eKehelata bamisa iinkampu eNtabeni yeShefere. 24  Emva koko banduluka eNtabeni yeShefere bamisa iinkampu+ eHarada. 25  Banduluka eHarada bamisa iinkampu eMakeloti. 26  Banduluka+ eMakeloti bamisa iinkampu eTahati. 27  Emva koko banduluka eTahati bamisa iinkampu eTera. 28  Banduluka eTera bamisa iinkampu eMiteka. 29  Kamva banduluka eMiteka bamisa iinkampu eHashmona. 30  Banduluka eHashmona bamisa iinkampu eMoseroti. 31  Banduluka eMoseroti bamisa iinkampu eBhene-yahakan.+ 32  Emva koko banduluka eBhene-yahakan bamisa iinkampu eHore-hagidegadi. 33  Banduluka eHore-hagidegadi bamisa iinkampu eYotebhata.+ 34  Kamva banduluka eYotebhata bamisa iinkampu eAbrona. 35  Banduluka eAbrona bamisa iinkampu e-Etsiyon-gebhere.+ 36  Emva koko banduluka e-Etsiyon-gebhere bamisa iinkampu entlango yaseTsin,+ oko kukuthi, eKadeshe. 37  Kamva banduluka eKadeshe bamisa iinkampu eNtabeni yeHore,+ emdeni welizwe lakwaEdom. 38  Wenyuka uAron umbingeleli waya eNtabeni yeHore ngokomyalelo kaYehova waza wafela khona ngonyaka wamashumi amane wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo.+ 39  UAron wayenekhulu elinamashumi amabini anesithathu eminyaka ubudala ekufeni kwakhe eNtabeni yeHore. 40  Ke kaloku ukumkani waseAradi,+ umKanan, owayehlala eNegebhi,+ ezweni lakwaKanan, weva ngokuza koonyana bakaSirayeli. 41  Ekuhambeni kwexesha banduluka eNtabeni yeHore+ bamisa iinkampu eTsalmona. 42  Emva koko banduluka eTsalmona bamisa iinkampu ePunon. 43  Banduluka ePunon bamisa iinkampu eObhoti.+ 44  Banduluka eObhoti bamisa iinkampu eIye-abharim emdeni wakwaMowabhi.+ 45  Kamva banduluka eIyim bamisa iinkampu eDibhon-gadi.+ 46  Emva koko banduluka eDibhon-gadi bamisa iinkampu eAlmon-diblatayim. 47  Banduluka eAlmon-diblatayim+ bamisa iinkampu kwiintaba zeAbharim+ phambi kweNebho.+ 48  Ekugqibeleni banduluka kwiintaba zeAbharim bamisa iinkampu kumathafa aziinkqantosi akwaMowabhi+ ngaseYordan eYeriko. 49  Baqhubeka bemise iinkampu ngaseYordan ukususela eBhete-yeshimoti+ ukusa eAbheli-shitim+ kumathafa aziinkqantosi akwaMowabhi. 50  Wathetha uYehova kuMoses kumathafa aziinkqantosi akwaMowabhi ngaseYordan eYeriko,+ esithi: 51  “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, ‘Niwela iYordan nisiya kungena ezweni lakwaKanan.+ 52  Yaye nimele nibagxothe bonke abemi belo lizwe phambi kwenu nize niyitshabalalise yonke imifanekiso yabo yamatye,+ nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo+ niyitshabalalise, nazo zonke iindawo zabo eziphakamileyo ezingcwele nize nizitshabalalise.+ 53  Nimele nilidle ilifa ilizwe elo nihlale kulo, kuba ndolinika nina ngokuqinisekileyo elo lizwe njengelifa.+ 54  Nize nilabe ilizwe elo phakathi kwenu ngamaqashiso+ ngokweentsapho zenu.+ Ezininzi nolandisa ilifa lazo, yaye ezincinane nolinciphisa ilifa lazo.+ Iyileyo yoba sendaweni elothi liwe kuyo iqashiso layo.+ Nize nizahlulele ilifa lomhlaba ngokwezizwe zooyihlo.+ 55  “‘Kambe ke, ukuba anibagxothanga abemi belo lizwe phambi kwenu,+ ngoko abo nibashiyileyo baya kusuka ngokuqinisekileyo babe njengezinto ezihlabayo emehlweni enu nameva emacaleni enu, banibandezele ngenene ezweni eniya kube nihleli kulo.+ 56  Yaye kothi kanye njengoko ndicinge ukwenza kubo ndenjenjalo nakuni.’”+

Umbhalo osemazantsi